1. Makuqatshelwe ukuba le setyhula isebenza kuphela kwizikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21.
2. Le setyhula inenjongo yokukwazisa ukuba iimvumelwano zangoku zokuthengwa nokusiwa kwezinto zokubhala nezokucoca ezigcinwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) ziya kuphelelwa nge-30 Septemba 2017. Okulandelayo, iWCED iqukumbele ezi mvumelwano zeminyaka emithathu zimbini zintsha nezizimele geqe kunye noMasiqhame Trading 1057 CC kwithuba elisusela kwi-01 Oktobha 2017 ukuya kwi-30 Septemba 2020. Ezi mvumelwano ziya kusetyenziswa zizo zonke izikolo zikarhulumente, zii-ofisi zezithili zemfundo nanguNdlunkulu weWCED.
3. Kubaluleke kakhulu ukuqaphela ukuba zombini ezi mvumelwano ziye zanikwa lo mboneleli-nkonzo ukhankanywe ngaphambili yaye ngenxa yeso sizathu, ii-odolo zelocal purchases ziya kufakwa kulo mthengisi uvunyiweyo ngeli thuba lichaziweyo:

Masiqhame Trading Cc
30 Blinkwater Crescent
Edgemead

7441
Ifoni: 021 558 9947
Umntu ekuqhagamshelwana naye: Mnu G Daniels

4. Izikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21 mazisebenzise ezi khathalogu ziqhotyoshelweyo ngokonyaka 1 (01 Oktobha 2017 ukuya kwi-30 Septemba 2018) uku-odola iimfuno zesikolo zezinto zokubhala nezokucoca, ezokusebenza egadini nezombane ezithengwayo ngekhompyutha (online) ngoMeyi nangoAgasti 2018 ukuze zisetyenziswe ngo-2019. Izikolo ziya kwaziswa ngeesetyhula ezizodwa ngenkqubo eya kulandelwa ngokumalunga noku. Kubalulekile kakhulu ukuqaphela ukuba ngokweemvumelwano, izikolo zivumeleke kuphela uku-odola ezi khathalogu ziqhotyoshelweyo ngokuphathelele kwisithili sazo.
5. Kuya kuqatshelwa ukuba imvumelwano yezinto zokubhala ayenzi sibonelelo sokuthengwa nokusiwa kwamaphepha okufotokopa neekhatriji zeprinta – ezi zinto, kwakunye nezinye izinto ezingadweliswanga kwiikhathalogu zezinto zokubhala nezokucoca, ezokusebenza egadini nezombane ezithengwayo kuya kunyanzeleka ukuba zi-odolwe nge-WCED 026 form zize zingeniswe kwi-ofisi yeZibonelelo zokuNika iNkxaso ukuFunda nokuFundisa (Learning and Teaching Support Material) (LTSM). Ezi zinto zikhankanywe ngaphambili ziya kuthi ke ngoko zipapashwe kwimalike evulelekileyo yaye kungenwe kwinkqubo yokuthenga kusetyenziswa iinkqubo zoLawulo lwaBathengi naBathengisi (via Supply Chain Management processes). Idilesi ye-ofisi ye-LTSM yile:

Western Cape Education Departement
LTSM Office
Golden Acre Building
15th Floor
Cape Town

6. Kubaluleke kakhulu kwizikolo ukuba zizicwangcise yaye zizilawule ngobulumko izigqibo zazo zeemali zezabelo zeMimiselo neMigangatho (Norms and Standards funding) ukuqinisekisa ubukho bemali eyaneleyo ejongene nazo zonke iimfuno zabafundi.
7. Kucelwa wazise okukule setyhula onke amagosa achaphazelekayo ukuze akuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:09:20

"Masiqhame Trading: Stationery catalogue & order form"  (ubukhulu: 52 KB)
"Masiqhame Trading: cleaning material catalogue & order form"  (ubukhulu: 103 KB)