1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) linqwenela ukutsalela ingqondo yazo zonke izikolo zikarhulumente kwimiqathango yeziqendu 38 no-38A zoMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika (iSASA), ka-1996 (uMthetho 84 ka-1996), ngokulandelanayo.
2. Isiqendu 38 somthetho iSASA, sifundeka ngolu hlobo lulandelayo:

38(1) Ibhunga lolawulo lesikolo sikarhulumente malenze ibhajethi qho ngonyaka lilandela imiqathango egqitywe liLungu leSigqeba soLawulo kwiGazethi yePhondo, ekubhalwe kuyo ingeniso eyingqikelelo nenkcitho yesikolo yonyaka-mali olandelayo.
(2) Phambi kokuba ibhajethi ekubhekiswa kuyo kwisiqendwana (1) ivunywe libhunga lolawulo, mayaziswe kwintlanganiso ngokubanzi yabazali ehlalelwa ngokuqala kukhutshwe isaziso ubuncinane zingadlulanga iintsuku eziyi-30, ukwenzela ukuba iqwalaselwe yaye inikwe nemvume yesininzi sabazali abakhoyo nabavotayo.
(3) Isaziso esichatshazelwe kwisiqendwana (2) kufuneka kwakhona sazise abazali malunga nokuba ibhajethi iya kufumaneka ukwenzela ukuba ihlolwe esikolweni ubuncinane zingadlulanga iintsuku eziyi-14 phambi kokuhlala kwentlanganiso.

3. Ngokumalunga nesiqendu 38A, kucelwa uqaphele ukuba le setyhula ithatha indawo yazo zonke iisetyhula zangaphambili ngokubhekiselele koku, yaye, ke ngoko zonke iisetyhula zangaphambili zithathwa njengeziphelelweyo. Umgaqo osebenzayo xa kusetyenziswa isiqendu 38A ucaciswe nangaphezulu kule setyhula nakuxwebhu oluqhotyoshelweyo oluthi UmGaqo woSetyenziso.
4. Ukufakwa kwezicelo ezizaliswe ngokupheleleyo zesiqendu 38A zango-2018 ziya kwamkelwa ukususela ngowoku-01 Agasti 2017 ukuya phambili. Emva koko izicelo mazingeniswe ukususela ngowoku-01 Agasti qho ngonyaka.
5. Izicelo ezizaliswe ngokupheleleyo ziya kuqwalaselwa zigqitywe zingadlulanga iiveki eziyi-4 emva kokufunyanwa kwazo yaye izicelo ezizaliswe ngokungaphelelanga ziya kubuyiselwa kwakunye nezizathu zoko, apho kuya kuthi ukususela ngelo xesha isicelo eso siqwalaselwe kwakhona njengesicelo esifakwe ngokutsha xa kufakwe isicelo esizaliswe ngokupheleleyo.
6. Iibhajethi zesikolo nemizuzu yentlanganiso yebhajethi ayisayi kufuneka okanye kusetyenziswa njengenxalenye yezicelo zesiqendu 38A.
7. Kucelwa amabhunga olawulo ngokwesiqendu 38A(8) somthetho iSASA aqinisekise ukuba inkcitho emalunga nesiqendu 38A ibhalwe ngokucace gca njengomba okwibhajethi evunyiweyo efakwa kwi-ofisi yesithili.
8. Amabhunga olawulo alindeleke kuphela ukuba asebenzise iziHlomelo A1, A2 no-A3 eziqhotyoshelweyo njengoko zinikiweyo yiWCED. Izihlomelo ezikwiiletahedi zezikolo okanye nazo naziphi ezinye izihlomelo ezitshintshiweyo azisayi kwamkelwa yaye izicelo ezilolo hlobo ziya kuthathwa njengezizaliswe ngokungaphelelanga. IziHlomelo A1, A2 no-A3 mazisayinwe ngusihlalo webhunga lolawulo njengoko kubhaliweyo kwiifom eziqhotyoshelweyo; izihlomelo ezingasayinwanga ziya kuthathwa njengezisayinwe ngokungaphelelanga.
9. Kucelwa amabhunga olawulo kwakhona aqwalasele umhlathana 1.4 woxwebhu oluthi, UmGaqo woSetyenziso (oqhotyoshelweyo) malunga nomgaqo omawulandelwe xa kusenziwa isicelo somvuzo othe kratya sabasebenzi abasandula ukuqeshwa beWCED oko kusenziwa enyakeni emva kokuba inikiwe imvume yokuqala yesicelo sika-38A.
10. Ukutyeshela ukuthobela lo mgaqo njengoko ubhaliweyo kule setyhula nakuxwebhu oluthi, UmGaqo woSetyenziso kuya kukhokelela ekukhatyweni kwesicelo eso.
11. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abathathi-nxaxheba abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:09:06

"South African Schools Act (Act 84 of 1996)"  (ubukhulu: 255 KB)
"Application Procedure Sec 38A"  (ubukhulu: 60 KB)
IsiHlomelo A1: "School governing body application"  (ubukhulu: 53 KB)
IsiHlomelo A2: "Application to remunerate"  (ubukhulu: 53 KB)
IsiHlomelo A3: "State employee application"  (ubukhulu: 48 KB)
"Rubric For Section 38A"  (ubukhulu: 71 KB)
"School Checklist Sec 38A"  (ubukhulu: 35 KB)