1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) kufuneka lisebenze ngokusekuhleni (be open), liphendule ngelikwenzayo (accountable) yaye liphendule kwiimfuno zoluntu (responsive to the public’s needs). Ukuze libe nako ukwenza oku kufuneka lisebenzise inkqubo esekelwe kwinkqubo yomgaqo-nkqubo neenkqubo ezilawula ukufakwa kwezikhalazo.
2. Lo Mgaqo-nkqubo neeNkqubo eziLawula ukuFakwa kweZikhalazo ziqhotyoshelweyo ziqulethe iinkqubo ekufuneka zilandelwe xa kufakwa isikhalazo eWCED.
3. Kucelwa iinqununu ziyifunde ngononophelo kakhulu le nkqubo yaye ziyisebenzise ngokuthe mbo.
4. Kucelwa wazise okukule setyhula nakuMgaqo-nkqubo woLawulo lokuFaka iZikhalazo onke amagosa ezithili, iikomiti zolawulo zezikolo, amalungu amabhunga olawulo kunye nabazali.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:08:09

INkqubo neSikhokelo soLawulo lokuFaka iZikhalazo, ka-2017  (ubukhulu: 83 KB)