1. Njengoko kuchaziweyo kwiSetyhula S8 ka-2016, iSebe iDBE liya kuprinta lize lihambise iincwadi zokwenza umsebenzi kuzo zonke izikolo zikarhulumente (eziqhelekileyo nezemfundo eneemfuno ezizodwa) eNtshona Koloni ukwenzela unyaka wekhalenda yesikolo ka-2018.
1.1 Ezi ncwadi zilandelayo ziya kusiwa ngqo ezikolweni:

  1. Iincwadi zokwenza umsebenzi zeBakala R;
  2. EzamaBakala 1 ukuya ku-6 zeeLwimi zeeNkobe;
  3. EzamaBakala 1 ukuya ku-3 zeMathematika kulwimi lokufunda nokufundisa (LoLT);
  4. EzamaBakala 4 ukuya ku-9 zeMathematika kwisiNgesi nakwi-Afrikansi;
  5. EzamaBakala 1 ukuya ku-6 zoLwimi lokuQala oloNgezelelweyo zesiNgesi; kunye
  6. nezamaBakala 1 ukuya ku-3 zeZakhono zoBomi kulwimi lokufunda nokufundisa (kwizikolo zamanqanaba 1-3 eNtlupheko kuphela).
1.2 IVolyum 1 ka-2018 (yeKota 1 no-2) neyeBakala R, ziya kusiwa kuzo zonke izikolo ungadlulanga owe-29 Septemba 2017.
1.3 IVolyum 2 ka-2018 (yeKota 3 no-4) neZakhono zoBomi kwizikolo zamanqanaba 1-3 entlupheko, ziya kusiwa kuzo zonke izikolo ungadlulanga owe-30 Novemba 2017.
1.4 NgokweSetyhula S6 ka-2017 yeSebe iDBE, iincwadi zokwenza umsebenzi zeZakhono zoBomi kumaBakala 1 ukuya ku-3, ziya kuprintwa ze zisiwe kwizikolo zamanqanaba 1-3 eNtlupheko

2. NgoMatshi 2017 kwakucelwe iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) ukuba linike iSebe iDBE amanani abafundi aqikelelweyo eencwadi zokwenza umsebenzi eziza kuprintwa zisiwe ukulungiselela u-2018. Amanani abafundi anikwa iDBE asuselwa kwiinkcukacha zeCEMIS efanelekileyo eyayifumaneka ngelo xesha.

3. Inani leencwadi zokwenza umsebenzi eziza kusiwa kwisikolo ngasinye ziyangqinelana namanani abafundi anikwa iSebe iDBE liSebe iWCED. Inani leencwadi zokwenza umsebenzi ngebakala ngalinye izikolo ezinokulindela liziswe liSebe iDBE, linokujongwa kwikhasi lewebhu le-LTSM (Learning and Teaching Support Material) (CAPS textbooks) kwiziko lewebhu leSebe iWCED (Idilesi yeziko lewebhu yile: http://wcedonline.pgwc.gov.za/branchPS/LTSM/index.html

4. Uxwebhu olusisikhokelo olucacisa imigaqo yenkqubo yaphambi nangethuba lokusiwa kweencwadi zokwenza umsebenzi ezikolweni luqhotyoshelwe apha njengesiHlomelo A.

5. Zakuba zizisiwe iincwadi zokwenza umsebenzi ngumboneleli-nkonzo weSebe iDBE, kulindeleke ukuba izikolo zithelekise inani leencwadi zokwenza umsebenzi ezizisiweyo namanani anikwe kweli ziko lewebhu likhankanywe apha ngentla. Naziphi iincwadi ezizisiweyo zolwimi olungachanekanga okanye ezishotayo mazixelwe kwiphepha elibubungqina bokuziswa kwazo (proof of delivery (POD)) yaye oko makwaziswe umboneleli-nkonzo obezise iincwadi zokwenza umsebenzi egameni leSebe iDBE.

6. ISebe iDBE lifaka amaphepha abubungqina bokuziswa kweencwadi (proof of delivery) esikolo ngasinye kweli ziko lewebhu: http://www.schoolmaster.org.za yaye kukhuthazwa izikolo nezithili zingene kweli ziko lewebhu ukungqinisisa iinkcukacha ezimalunga nokuziswa kweencwadi. Inombolo ye-EMIS yesikolo inokusetyenziselwa ukuloga kwiziko lewebhu.

7. Ngo-Oktobha 2017, zonke izikolo ekusiwe kuzo iincwadi zokwenza umsebenzi ziya kucelwa ukuba zingene kwi-CEMIS ukufaka amanani abafundi aqikelelweyo ango-2018 nenani ngqo leencwadi zokwenza umsebenzi ngesifundo ngasinye nangebakala ngalinye ezifunyenwe kwiSebe iDBE. Ngethuba lokwenziwa kwale nkqubo, iincwadi zokwenza umsebenzi ezishotayo okanye ezingaphezu kwemfuneko ziya kuqwalaselwa kuze kuxelelwe izithili malunga noko. Le ngxelo iya kufumaneka ku-EduInfoSearch.

8. Amagosa ezithili achaphazelekayo aya kuba noxanduva lokuququzelela ukusiwa kweencwadi zokwenza umsebenzi eziqatshelwe njengezishotayo.

9. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:08:09

IsiHlomelo A: Isikhokelo sokufunyanwa kweencwadi zokwenza umsebenzi zamaBakala R ukuya ku-9 kunyaka wesikolo ka-2018  (ubukhulu: 69 KB)
IsiHlomelo B: "Workbook recording template"  (ubukhulu: 94 KB)