Byela emva     Close this Circular     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:   20170714-2962
12/2/13/6
IMIBUZO:   A Henriques    IFONI:   021 467 2767     IFEKSI:   0086 2415 424

ISETYHULA

  :    

0025/2017

UMHLA WOKUPHELELWA 

  :    

AWUKHO


IYA:      

KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBACEBISI NGEZIFUNDO NAKWIINQUNUNU ZEZIKOLO EZIPHAKAMILEYO EZIQHELEKILEYO ZIKARHULUMENTE


ISISHWANKATHELO
ESIFUTSHANE:      

Ukuqaliswa ngokumana kusongezwa ngokwamabakala uncwadi lweMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (FET) kwiBakala 10 ngo-2018.


ISIHLOKO:      

UKUQALISWA NGOKUMANA KUSONGEZWA NGOKWAMABAKALA UNCWADI LWEMFUNDO NOQEQESHO OLUQHUBELEKAYO (FET) KWIBAKALA 10 NGO-2018


1. ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (i-DBE) lipapashe iSetyhula S13 ka-2015 engokuqaliswa ngokumana kusongezwa ngokwamabakala uncwadi lweMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (FET) ukususela ngo-2016 ukuya ku-2018.
2. ISetyhula S13 iyalela ukuba uncwadi lweBakala 10 luqaliswe ngo-2018 ngokungqinelana nale Khathalogu yoNcwadi lweFET kaZwelonke yeBakala 10 ukuya kwele-12 (ka-2015). Kuqatshelwe izikhewu eziziintlobo ngeentlobo kule khathalogu ikhankanywe apha ngentla. Nakuba kunjalo, i-DBE yazise ukuba kalokunje ikwinkqubo yokuzalisa ezi zikhewu zikhoyo. I-DBE iya kuthi emva koko ikhuphe iKhathalogu kaZwelonke yoNcwadi yeFET yeBakala 10 ukuya ku-12 nje ukuba iinkqubo zibe zigqityiwe.
3. Kucelwa izikolo ke ngoko ukuba zi-odole uncwadi lweFET lweBakala 10 lwango-2018 ngokungqinelana nesikhokelo esinikwe kumhlathi 4 apha ngezantsi.
4. Izikolo mazilandele mbo ezi mfuno zimiselweyo zeCAPS zilandelayo xa zi-odola uncwadi:

KuLwimi lweeNkobe: yiNoveli enye, iDrama enye neNgqokelela yemiBongo enye. KwiiLwimi zesiNtu, inoveli inokutshintshwa noNcwadi lweMveli (Folklore).

KuLwimi oloNgezelelweyo lokuQala: naziphi na iintlobo ezimbini zoncwadi (two genres): yiNoveli, imiBongo, iDrama namaBalana amaFutshane.

KuLwimi Lwesibini oloNgezelelweyo: naluphi na udidi loncwadi lube lunye kwezi ndidi: kwiNoveli, kwimiBongo, kwiDrama nakumaBalana amaFutshane.

5. Kwezi meko zilandelayo akukho ndidi zoncwadi zinikiweyo kunokukhethwa kuzo:
KwisiAfrikansi uLwimi lwesiBini oloNgezelelweyo: Akukho Drama, miBongo okanye maBalana amaFutshane.
KwisiNgesi uLwimi lwesiBini oloNgezelelweyo: Akukho Drama, miBongo okanye maBalana amaFutshane.
KwisiXhosa uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo: Akukho miBongo kunokukhethwa kuyo. KwisiXhosa uLwimi lwesiBini oloNgezelelweyo: Akukho Drama, miBongo okanye maBalana amaFutshane.
KwisiSuthu uLwimi lweeNkobe: Akukho miBongo kunokukhethwa.
KwisiTswana uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo: Akukho Noveli, Drama okanye maBalana amaFutshane.
KwisiTswana uLwimi lweeNkobe: Akukho ndidi zeDrama kunokukhethwa kuzo.

Kulindeleke ukuba izikolo zisebenzise izihloko zoncwadi ezikhoyo kwezi ndidi zoncwadi zikhankanywe ngentla ukuvala izikhewu ezikwiKhathalogu kaZwelonke yoNcwadi lweFET ka-2015 kwiBakala 10.

6. Izikolo kufuneka zizalise le thempleyithi yoku-odola iqhotyoshelweyo ngokumalunga nenani loncwadi lweFET olufunekayo kwiBakala 10.

Makubhalwe inani leencwadi eziya kufunwa kudidi loncwadi ngalunye.

Ithempleyithi ezaliswe ngokupheleleyo mayithunyelwe nge-imeyili ku-: Shameez.Gurah@westerncape.gov.za engadlulanga uLwesihlanu we-25 Agasti 2017.

7. IWCED iya kuzihlawula iindleko zeencwadi zohlobo loncwadi zeBakala 10.
8. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:08:09


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47


The following documents relate to this minute.  MS Word® or MS Exel® are required to view these documents.
Click on a title below:  to save this document.
"Grades 10 - 12 FET Literature Catalogue 2015"  (ubukhulu: 431 KB)
"Grades 10 FET Literature Template 2017-18"  (ubukhulu: 134 KB)
Byela emva     Close this Circular     Maak omsendbrief toe