1. Le setyhula mayifundwe kunye neSetyhula 0012/2017 yomhla we-27 Matshi 2017.
2. Ukususela ngowe-07 ukuya kowe-11 Agasti 2017, izikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21 ziya kunikwa ithuba lokugqibela loku-odola izinto zokubhala nezokucoca oko kusenziwa ngekhompyutha ukwenzela ukusetyenziswa kwazo ngo-2018.
3. Isikhokelo siya kunikwa kwinkqubo yasekhompyutheni iCentral Education Management Information System (CEMIS) ukucacisa ngendlela yokufaka ekhompyutheni yaye kusayinelwe iimfuno zezinto zokubhala nezinto zokucoca ezongezelelweyo.
4. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) liya kufaka ii-odolo zezinto zokubhala nezokucoca ezifunwayo egameni lezikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21 kubathengisi abakwimvumelwano (contracted suppliers), njengoko kuchaziweyo kwiSetyhula 0012/2017 no-0005/2015.
5. Izikolo zingafaka kuphela ekhompyutheni i-odolo yezo zinto zidweliswe kwiikhathalogu zezinto zokubhala nezokucoca (eziqhotyoshelwe apha).
6. Kucelwa uqaphele ukuba imvumelwano yezinto zokubhala ayenzi sibonelelo sokuthengwa nokusiwa kwamaphepha okufotokopa neekhatriji zeprinta. Ezi zinto, kwakunye nezinye izinto ezingadweliswanga kwiikhathalogu zezinto zokubhala nezokucoca, ziya kuthengwa ngokwahlukeneyo ngeekoteshini ezicelwa ngokuqala kugqithwe kwi-Integrated Procurement Solution (IPS).

Izikolo mazingenise iirikhwizishini (kwiWCED 026 form) ngokumalunga noku kwi-ofisi yeZibonelelo zokuNika iNkxaso ukuFunda nokuFundisa (Learning and Teaching Support Material (LTSM)) ungadlulanga umhla we-11 Agasti 2017 ukuqinisekisa ukusiwa kwazo ngexesha.

7. Ziya kucelwa izikolo zisebenzise iimali zezabelo zazo zeMimiselo neMigangatho (Norms and Standards) (N&S) yee-local purchases ukuhlawulela zonke iimfuno zazo zezinto zokubhala nezokucoca. Kubaluleke gqitha ke ngoko ukuba izikolo zizicwangcise ngobulumko izigqibo zazo ezingokulawulwa kweemali zezabelo zeN&S, ukuqinisekisa ubukho bemali eyanaleyo ejongene neemfuno. Ukuncedisa izikolo malunga noko kungqinisiswa kwee-odolo namaxabiso azo aya kuthunyelwa ezikolweni lo gama ii-odolo zisasetyenzwayo (processed).
8. Kucelwa wazise okukule setyhula onke amagosa achaphazelekayo ukuze akuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-L ELY
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:07:19

"WCED Stationery Catalogue - Masiqhame Trading"  (ubukhulu: 82 KB)
"WCED Cleaning Catalogue - RC suppliers"  (ubukhulu: 84 KB)
"Cape Winelands - WCED Cleaning Materials Catalogues - Amanthi Traders"  (ubukhulu: 88 KB)