1. Izikolo eziseNtshona Koloni kulindeleke ukuba zinike umfundi ngamnye obhalisiweyo incwadi yesifundo kwabelwe izifundo zonke.

2. Ukwenzela ukuqinisekisa ukuba bonke abafundi kwisikolo ngasinye baneencwadi zezifundo (textbooks) kuzo zonke izifundo ngo-2018, kucelwa iinqununu ukuba:
2.1 zichaze inani elilindelekileyo labo lokubhalisa abafundi ngokwebakala ngebakala ngo-2018;
2.2 ziqikelele inani elilindelekileyo labafundi abangaphezulu ekuqaleni kuka-2018 ngokusekelwe kwindlela izinto ezidla ngokwenzeka ngayo kule minyaka idlulileyo ; kunye
2.3 nokuthathela ingqalelo ukuba limi njani iqondo lokubuyiswa kweencwadi zezifundo ngabafundi (textbook retention rate) ekupheleni konyaka kule minyaka idlulileyo.

3. Ezi ngcombolo zikumhlathi 2 mazisetyenziselwe ukunika ulwazi ngoku-odolwa kweencwadi zezifundo zokongezelela (textbook top-up orders) zango-2018.

4. Kuya kunikwa izikolo ithuba libe linye kuphela ngo-2017, phakathi kowe-29 Meyi nowe-09 Juni, loku-odola iincwadi zezifundo zokongezelela zabo kusetyenziswa ifasilithi yokwenza ii-odolo efumaneka kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED). Oku kuthetha ukuba izikolo mazibekele bucala ixesha ukulungiselela iimfuno zazo zokongezelela iincwadi zezifundo zika-2018 ngononophelo, zithathela ingqalelo zonke iimeko ezichazwe kumhlathi 2.

5. Iimali ezilungiselelwe i-LTSM zolwabiwo ze-N&S ziya kusetyenziselwa ukuhlawula iincwadi zezifundo zokongezelela nezokukhula kwamanani abafundi (top-up and learner growth textbooks) ngoJanuwari 2018.

6. Ukuba izikolo azinazo iimali zolwabiwo ze-N&S ezaneleyo zokuhlawulela zonke iincwadi zezifundo zokongezelela nezokwanda kwamanani abafundi ezizi-odola ngekhompyutha, makufakwe isicelo kwiWCED sokufuna uncedo lwezemali. Isicelo eso masizaliswe kwithempleyithi eqhotyoshelweyo, yaye kufuneka sichaze nesizathu sokucela olo ncedo lwezemali. Le thempleyithi mayisayinwe yinqununu yesikolo iskenwe ize ithunyelwe nge-imeyili apha aletta.knipe@westerncape.gov.za ungadlulanga owe-23 Juni 2017.

7. Kukhuthazwa izikolo zenze ziwagqibe amalungiselelo azo phambi kokuba lifike ithuba lokufaka ii-odolo ngekhompyutha ezimalunga neencwadi zezifundo zokongezelela ezifunekayo nokuqalela kusuku ekuvulwa ngalo isistim yasekhompyutheni (online system) ngowe-29 Meyi 2017.

8. Xa ungena ekhompyutheni kwi-CEMIS, khetha u-"Administration" option kwi-menu bar ukhethe u-"CAPS textbook top-up" kwi-drop down list. I-sub-menu iya kuvela yona ikungenise kwi-capture screen, naku-"How to guide". Kukhuthazwa izikolo zikufunde okubhalwe ku-"How to guide" ngaphambi kokuba zifake ekhompyutheni ii-top-up textbook orders.

9. Kucelwa ufunde i-welcome note kunye ne-guide ekhompyutheni kwi-CEMIS ukuqinisekisa malunga nalowo ekufuneka kuqhagamshelwane naye xa kukho naziphi iingxaki ezithi zivela xa kufakwa ii-odolo zeencwadi zezifundo zokongezelela ii-top-up textbook orders.

10. Yakuba ingqinisisiwe i-odolo yasekhompyutheni yaze yasayinwa yinqununu, isikolo masiprinte ikopi eliphepha ye-odolo engqinisisiweyo (verified order), siyitshekishe ukuba ichanekile na yaye siyigcine kwirekhodi.

11. Kucelwa wazise okukule kule setyhula bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:05:09

"Annexure A: Application for financial assistance: Top-up textbooks for 2017"  (ubukhulu: 49 KB)