1. |
Le setyhula yazisa zonke izikolo zikarhulumente ezibhalisa abafundi ukususela kwiBakala 8 nangaphezulu ngeenjongo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni (zeWCED) zokuseka iiforam okanye izitraktsha zamaBhunga aBameli baBafundi (ii-RCL) kuzo zosibhozo zizonke izithili zemfundo yaye yazisa ngomgaqo-sikhokelo we-WCED ongokuSekwa kweeForam zee-RCL (WCED Framework for the Establishment of Forums for RCLs). |
3. |
Umgaqo-sikhokelo wezomthetho |
3.2 |
The Education Laws Amendment Act, 2001 (Act 57 of 2001) |
3.4 |
The Determination of the Functions and Procedures for the Establishment and Election of Representative Council of Learners at Public Schools, njengoko ipapashiweyo kwi-Provincial Gazette Extraordinary 7317 yowe-13 Oktobha 2014 |
4. |
ISiqendu 11 soMthetho weMfundo weZikolo zePhondo leNtshona Koloni, ka-1997 (uMthetho 12 ka-1997), ubonelela ngokusekwa kweBhunga leMfundo leNtshona Koloni elinenjongo yokucebisa uMphathiswa wePhondo ne-WCED ngemiba yezemfundo kwiphondo. Eli bhunga lakhiwa ngabantu basekuhlaleni abanyuliweyo nabatyunjiweyo abandakanyeka kwicandelo lezemfundo. Umgaqo-siseko webhunga awuyivumeli intatho-nxaxheba yamalungu e-RCL. |
5. |
I-SASA ibonelela ngentatho-nxaxheba enkulu yabafundi ekusebenzeni ngokwenkqubo yolawulo lwentando yesininzi yezikolo. Nasiphi isikolo sikarhulumente esibhalisa abafundi kwiBakala 8 nangaphezulu masimisele i-RCL. Oku kuchaza kwakhona imithetho-siseko (principles) yomgaqo-siseko ephambili yolawulo nentatho-nxaxheba ngentsebenziswano (cooperative and participative governance). I-SASA imisela ukuthatha inxaxheba kwabafundi ukuba banike inkonzo kwibhunga lolawulo kwanokuba banikwe ithuba ngokusemthethweni lokudlala indima kwezolawulo lwesikolo. |
6. |
Akukho mthetho we-SASA okanye nawuphi na ongomnye uMthetho onika umgaqo-sikhokelo ngeeforam ze-RCL, nangona i-RCL ilibhunga elisemthethweni elivunyiweyo kumthetho i-SASA. |
7. |
I-WCED ngoko ke ifuna ukubonelela ngeeforam apho amalungu e-RCL anganethuba lokuxoxa ngemiba ebadibanisayo kumanqanaba esithili nakwiphondo. |
9. |
Lo mgaqo-nkqubo ubonisa indlela izitraktsha zesikolo, ezesekethe/ezeklasta, ezezithili nezephondo emazinyulwe ngayo ngenjongo yokuba zisingathe iimfuno zabafundi kwinqanaba ngalinye elithile. |
10. |
Makuthotyelwe oko kukulo mgaqo-sikhokelo yaye kukhuthazwe ulawulo lwentando yesininzi nobulungisa ngawo onke amaxesha. |
11. |
Makusoloko kuthathelwa ingqalelo esona sizathu siphambili sokuba abafundi besesikolweni nanini xa kusenziwa amalungiselelo eentlanganiso yaye ukungabikho kwabafundi esikolweni makulawulwe kangangoko kunako kungenzeki qho. |
12. |
Kucelwa uthumele imibuzo kuMququzeleli we-RCL wesithili ochaphazelekayo:
- Metro East District: Nks May-Joan Swartz , ifoni 021 900 7253
- Metro South District: Nks Reginald Dreyer, ifoni 021 374 4107
- Metro North District: Mnu David Leonard, ifoni 021 938 3170
- Metro Central District: Nks Anusha Naidoo, ifoni 021 514 6700/6716
- Cape Winelands District: Mnu Fred Josias, ifoni 023 348 4600
- West Coast District: Mnu Tommy Loriston, ifoni 021 860 1200
- Overberg District: Mnu Mike Kobus, ifoni 028 214 7368
- Eden and Central Karoo District: Nks Sinovuyo Stofile, ifoni 044 803 8300/8315
|
13. |
Kucelwa wazise okukule setyhula nakulo mgaqo-sikhokelo uqhotyoshelweyo bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:04:26
|
 |