1. |
Le setyhula ithatha indawo yeSetyhula 0012/2008: ISikhokelo sokusekwa kweKomiti yeSikolo yoKusingatha iZitenxo zoVavanyo (a School Assessment Irregularities Committee (SAIC)). |
2. |
IMimiselo Regulations pertaining to the Conduct, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate njengoko ipapashwe kwiGazethi kaRhulumente 31337, efakelwe izilungiso nge-16 Meyi 2014, icacisa ukuba isikolo ngasinye masiseke iKomiti yeSikolo yoKusingatha iZitenxo zoVavanyo (SAIC). |
3. |
Izitenxo zovavanyo lwangaphakathi (Internal assessment irregularities) ezichaphazela abafundi neetitshala mazisingathwe yi-SAIC kwinqanaba lesikolo, ngokungqinelana nesikhokelo (IziHlomelo A no-B), esibonelelwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni (ISebe iWCED). |
4. |
I-SAIC mayisingathe zonke izitenxo zovavanyo, kwicandelo le-General Education and Training (GET) nakwele-Further Education and Training (FET). |
5. |
Kulindeleke izikolo zibe sele zizisekile ii-SAICs zazo nokuba zisebenze ngokupheleleyo. Inkqubo, indima nemisebenzi ye-SAIC, mazichazwe ngokuthe gca kumgaqo-nkqubo wovavanyo wesikolo. Apha kule setyhula kuqhotyoshelwe isiHlomelo A osisikhokelo sokwakhiwa kwe-SAIC namagunya olawulo ale komiti elolu hlobo. Kukwaqhotyoshelwe nesiHlomelo B, esiqulethe izitenxo ezinokwenzeka nesikhokelo esimalunga nezohlwayo (sanctions). |
6. |
Abaphathi beesekethe besebenzisana nabaququzeleli bovavanyo bezithili, kulindeleke ukuba baqinisekise ukuba zonke izikolo zizisekile ii-SAICs zazo nokuba ezoo SAICs zisebenza ngokupheleleyo. Qho kwiminyaka emithathu, iinqununu mazazise umphathi wesekethe ngokwakhiwa kwe-SAIC ngencwadi ebhaliweyo, ukulungiselela ukuvunywa kwesitraktsha sale komiti. |
7. |
ISebe leMfundo esiSiseko (ISebe i-DBE) liyifuna qho ngonyaka ingcaciso emalunga nokwakhiwa nemisebenzi yeeKomiti ii-SAICs. ISebe iWCED liya kuyicela le ngcaciso kwizikolo nakwizithili ngethuba lekota yesibini ka-2017. |
8. |
Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu ngokumalunga noku. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO YESEBE LEMFUNDO EBAMBELEYO
UMHLA: 2017:04:12
|
 |