1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) ligunyaziswe ukuba linike imfundo esemgangathweni bonke abafundi yaye livume umgaqo-sikhokelo wokunceda bonke abathathi-nxaxheba ngokuphathelele koku.
2. Lo mgaqo-sikhokelo uqhotyoshelweyo usebenza njengesikhokelo yaye wazisa ngosetyenziso ngokukuko lomgaqo-nkqubo nezigqibo ezinobuchule zokuthengwa kwe-LTSM yeWCED.
3. Phakathi kwezinye iinkcukacha, lo mgaqo-nkqubo unika ingcaciso ngeendima nemisebenzi engeenkqubo zokusingathwa kwe-LTSM eWCED, kwakunye nesicwangciso solawulo lwe-LTSM injongo ikukukhokela ekusingathweni kweencwadi zokufunda (textbooks), iincwadi zomsebenzi (workbooks) nezifundo ngoncwadi (literature studies) esikolweni, kuqukwa nenkqubo kwanemigaqo yokufaka ingcaciso entsha kwii-inventri nokukhutshwa (issuing), ukubuyiselwa (retrieval) nokugcinwa (retention) kwe-LTSM.
4. Kucelwa wazise okukule setyhula onke amagosa achaphazelekayo ukuze akuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-TS MATSELISO
INTLOKO YESEBE LEMFUNDO EBAMBELEYO
UMHLA: 2017:04:12

"Framework for the supply of Learning and Teaching Support Material (LTSM)"  (ubukhulu: 304 KB)