1. Injongo yale mbalelwano kukupapasha kwakhona uMgaqo-nkqubo weeSelula weSebe leMfundo leNtshona Koloni (Cellular Phone Policy of the Western Cape Education Department). Apha ke ngoko kuqhotyoshelwe lo Mgaqo-nkqubo weeSelula weSebe leMfundo leNtshona Koloni, 2017 noqala ukusebenza ukususela nge-01 Apreli 2017.

2. Lo mgaqo-nkqubo uhlaziyiweyo ufakelwe ezi zilungiso zilandelayo:

  1. Ukwabiwa kwezibonelelo (umhlathi 4.8).
  2. Imfuno emiselweyo yencwadi ebhaliweyo enezizathu ezivokothekileyo xa kusenziwa isicelo sokunyuswa kwesibonelelo (umhlathi 4.9).
3. UMgaqo-nkqubo weeSelula weSebe leMfundo leNtshona Koloni, 2017, uthatha indawo yayo yonke imigaqo-nkqubo neesetyhula zangaphambili ezingalo mba.

4. Bayacelwa aBalawuli kwaNdlunkulu nakwii-ofisi zezithili ukuba bazise ngalo mgaqonkqubo uqhotyoshelweyo kuwo onke amagosa ukuze bawuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:03:10

"Cellular Phone Policy of the Western Cape Education Department"  (ubukhulu: 70 KB)