1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) liyavuya ukwazisa ngokuqaliswa kwenkqubo yokufunda ngokwenza iinkonzo zabahlali njengophawu lweprogram yalo ukususela ngo 12 Meyi 2017.
2. Kwixesha elidlulileyo, iWCED yanika ingqwalaselo ngokusesikweni umsebenzi wootitshala kunye nenkqubo yezikolo ngokubanzi. Nakuba kunjalo, kuyaqondakala ukuba umsebenzi obalaseleyo ozisa izinto ezintsha owenziwa luninzi lwabafundi bethu awufumani ngqwalaselo ifanayo okanye ilinganayo kunaleyo inikwa umsebenzi owenziwa ngootishala.
3. Ngokuphathelele koku, uMphathiswa wePhondo ojongene nezeMfundo uyayixhasa ingcamango yokuba iWCED isungule amaBhaso aqho ngoNyaka okuWonga aBafundi ngoKwenziwa kweeNkonzo zaBahlali (Annual Service Learning Awards), neya kwaziwa njenge-WCED Service Learning Awards.
4. Yinjongo yeWCED ukuphucula le projekthi njengokuba iye ikhula.
5. Ukufunda ngokwenza iinkonzo zabahlali (service learning) yinkqubo yokufunda nokufundisa esele imiselwe kwiindawo ezininzi ezisehlabathini. Yinkqubo efuna ukuhlanganisa inkonzo eyiyo eyenzelwa abahlali kwanokufundiswayo kunye nokucamanga (reflection) ngenjongo yokuphuhlisa amava okufunda, ukufundisa uxanduva umntu ngamnye analo ngokwasekuhlaleni kwanokomeleza iindawo zasekuhlaleni kwethu.
6. Nangona izikolo ezininzi eNtshona Koloni zibandakanyeka kumsebenzi onxulumene nabahlali, akukho kunikwa ngqwalaselo kucwangcisiweyo okanye kwephondo liphela kokufunda kwabafundi okunxulumene nenkonzo yasekuhlaleni kwenziweyo ukuza kuthi ga ngoku.
7. Ngokubanzi, abahlali badinga abantu abaninzi kakhulu, ngokukodwa abantu abatsha, ukuba babandakanyeke kwimvumelwano yezentlalo efuna ukwakhiwa ngokutsha kwemigaqo yokuziphatha ngentsulungeko koluntu lwethu lwasekuhlaleni (moral fabric), ngokukodwa kwiimeko zasentlalweni zabo babekade bevinjwe amathuba.
8. Imigaqo yokuthatha inxaxheba ibhalwe kule ISikhokelo esiNika iNgcaciso (Information Guide). Inqununu noTitshala oliGosa loQhagamshelwano (Teacher Liaison Officer) (TLO) elijongene neBhunga eLimele aBafundi (Representative Council of Learners) (RCL) kulindeleke ukuba bancedise amalungu e-RCL ukuba balawule ezi nzame ngokwabo ukwenzela ukuba bafumane uqeqesho ekusingatheni imisebenzi elolo hlobo.
9. Lo gama ekuqaleni iWCED iya kuba ibeke esweni iiprojekthi namalinge asele ekho, injongo ikwasekuphuculeni izakhono ngamandla nasekukhuthazeni uthatho-nxaxheba kwizikolo ezingenayo loo misebenzi. Oku kuya kwenziwa ngongenelelo ngoncedo lwasemva kweeyure zesikolo lweZikolo eZikhuselekileyo (Safe Schools after-school intervention).
10. Ngokuphathelele koku, kukhuthazwa amabhunga olawulo aqinisekise ukuba izikolo zawo zineeprogram ezicace gca eziqaphelekayo zasemva kweeyure zezikolo eziya kumana ziphuculwa qho ngonyaka.
11. Le program ingayitshintsha indlela abafundi abalujonga ngayo uluntu lwasekuhlaleni. Kukhathazwa iinqununu zikhuthaze abafundi ekusebenzeleni ukuba babe ngabemi abangcono njengoko eli linge linamandla okuphucula ubumbano lwezentlalo (social cohesion) nokubethelela ubudlelane obungcono boluntu.
12. Kucelwa wazise okukule setyhula zonke ii-RCL kunye namabhunga olawulo ezikolo ukuze akuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:03:24

ISikhokelo seNgcaciso ngamaBhaso okuWonga aBafundi ngoKwenziwa kweeNkonzo zaBahlali  (ubukhulu: 106 KB)
"Nomination form"  (ubukhulu: 64 KB)