1. Apha kwaziswa izikolo ngethuba lokuqala loku-odola ngekhompyutha izinto zokubhala nezinto zokucoca zazo ukususela nge-18 ukuya kwi-26 Apreli 2017, ukulungiselela ukusetyenziswa kwazo ngo-2018.
2. Zazazisiwe ngo-2016 izikolo ngeSetyhula 0016/2016 ngeemvumelwano ezimbini ezahlukeneyo ekungenwe kuzo liSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) zokuodolwa kwezinto zokubhala nezinto zokucoca nenkqubo yoku-odola emayilandelwe ngokweemvumelwano ezikhankanyiweyo ezisebenzayo kwizikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21.
3. Iimvumelwano esele zikhankanyiwe, eziphelelwa ngomhla we-31 Matshi 2017, zandiselwe ixesha kungokunje eliziinyanga ezintathu ezongezelelweyo ukususela nge-01 Apreli ukuya kwi-30 Juni 2017 ukuqinisekisa ukuqhubeka komsebenzi woku-odola lo gama kusasingethwe inkqubo yeziniki-maxabiso entsha.
4. Kuya kubonelelwa ngesikhokelo kwiCEMIS sokucacisa ukuba mazifakwe yaye zisayinelwe njani na kwikhompyutha iimfuno zezinto zokubhala nezinto zokucoca.
5. ISebe iWCED liya kufaka ii-odolo zezinto zokubhala nezezinto zokucoca ezifunwayo egameni lezikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21 kubathengisi ekungenwe kwimvumelwano nabo njengoko kucacisiwe kwiSetyhula 0005/2015.
6. Izikolo zinokufaka kwikhompyutha kuphela i-odolo yezinto (items) ezidweliswe kwiikhathalogu ezihlaziyiweyo zezinto zokubhala nezezinto zokucoca, (eziqhotyoshelwe apha).
7. Kucelwa niqaphele ukuba imvumelwano yezinto zokubhala ayikuboneleli ukuthengwa nokusiwa kwephepha lokufotokopa okanye iikhratriji zeprinta. Ezi ayithem kwakunye nezinye ii-ayithem ezingekhoyo kwiikhathalogu zezinto zokubhala nezezinto zokucoca, ziya kuthengwa ngokwahlukeneyo ngekowuteshini ezicelwe ngesistim eyi-Integrated Procurement Solution (IPS). Izikolo mazingenise iirikhwizishini (WCED 026 forms) ngokumalunga noku kwi-ofisi yeLTSM ungadlulanga owe-26 April 2017 ukuqinisekisa ukusiwa kwazo ngexesha.
8. Ziya kucelwa izikolo ngoko ke ukuba zisebenzise iimali zezabelo zemimiselo nemigangatho (N&S) zokuthenga kulo ndawo isikolo sikuyo ukuhlawulela zonke iimfuno zazo zezinto zokubhala nezinto zokucoca. Ngako oko kubaluleke gqitha ukuba izikolo zenze izicwangciso ngobulumko ekumiseleni ukuba ziphathwa njani na iimali zazo zeN&S ukuqinisekisa ukuba ikhona imali eyaneleyo yazo zonke iimfuno zazo. Izikolo ziya kuncediswa ngalo mba, ngokuthi kuthunyelwe kuzo amaxwebhu aqinisekisa ii-odolo namaxabiso azo, lo gama kusasingethwe ii-odolo.
9. Ziyakhuthazwa izikolo zilisebenzise eli thuba loku-odola ii-ayithem ezininzi ngaxeshanye ezizifunayo yaye ziya kulinikwa ithuba lesibini ukususela kwi-07 ukuya kwi-11 Agasti 2017, lokuba zi-odole naziphi na izinto ukulungiselela iimfuno ezongezelelweyo ezinokuba zisekho.
10. Kucelwa wazise ngokuqulethwe yile setyhula kuwo onke amagosa achaphazelekayo ukuze akuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:03:27

"WCED Stationery Catalogue - Masiqhame Trading"  (ubukhulu: 80 KB)
"WCED Cleaning Catalogue - RC suppliers"  (ubukhulu: 90 KB)
"Cape Winelands - WCED Cleaning Materials Catalogues - Amanthi Traders"  (ubukhulu: 91 KB)
"Overberg - WCED Cleaning Materials Catalogues - Amanthi Traders"  (ubukhulu: 91 KB)
"West Coast - WCED Cleaning Materials Catalogues - Amanthi Traders"  (ubukhulu: 90 KB)
"Eden Central Karoo - WCED Cleaning Materials Catalogues - Amanthi Traders"  (ubukhulu: 90 KB)