1. Ukukhula kwethekhinoloji yeIntanethi nokwanda kwamaqonga onxibelelwano oluntu kwiminyakana edlulileyo kuyitshintshile indlela abantu abanxibelelana nababelana ngayo ngengcaciso.

2. Yakusetyenziswa esikolweni luninzi ngokungenakubalwa uncedo lwayo kubafundi, nakuba kunjalo, oku kusithakala kwemida ngokwasentlalweni okuphakathi kwabasebenzi nabafundi makuphetshwe, njengoko kungakhokelela kwihlazo okanye ekutyhilweni kwezinto ezingafanelekanga.

3. Kuqulunqwe isikhokelo ke ngoko khon’ ukuze kwaziswe ngezinto ezingaluncedo nezingangumngcipheko ezinxulumene nezi zixhobo kwanokunika isikhokelo ngosetyenziso lwamajelo onxibelelwano oluntu ngabafundi, abafundi nootitshala, nomzali womfundi kwakunye notitshala kwisikolo sikarhulumente.

4. Esi sikhokelo siqhotyoshelweyo siqulethe le miba ilandelayo:

  1. Usetyenziso lwamajelo onxibelelwano nothungelwano oluntu
  2. Ijelo lonxibelelwano loluntu nezemfundo
  3. Iindima nemisebenzi eluxanduva
  4. Iingxaki zamajelo onxibelelwano nothungelwano oluntu
  5. Ithempleyithi yokuyila umgaqo-nkqubo wesikolo wamajelo onxibelelwano nothungelwano oluntu
  6. Nomngcipheko wezokhuseleko onxulumene nokusetyenziswa kwamajelo onxibelelwano nothungelwano oluntu ngabafundi
5. Kucelwa uqaphele ukuba izibhengezo zezopolitiko okanye ngezesondo, okanye ukukhuthazwa kokusetyenziswa kotywala, icuba okanye nazo naziphi iziveliso ezinxulumene nazo azivumelekanga kuwo nawaphi amaqonga onxibelelwano oluntu ezikolo.

6. Kucelwa iinqununu zazise okuqulathwe sesi sikhokelo siqhotyoshelweyo abasebenzi namabhunga olawulo ukuze basithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-L. ELY
INTLOKO YESEBE LEMFUNDO EBAMBELEYO
UMHLA: 2017:03:17

ISIKHOKELO SAMAJELO ONXIBELELWANO NOTHUNGELWANO OLUNTU KWIZIKOLO ZIKARHULUMENTE
NGO-2017
 (ubukhulu: 92 KB)
IsiHlomelo A: ITHEMPLEYITHI YOKUYILA UMGAQO-NKQUBO WESIKOLO WAMAJELO ONXIBELELWANO NOTHUNGELWANO OLUNTU  (ubukhulu: 41 KB)
IsiHlomelo B: IMINGCIPHEKO YEZOKHUSELEKO ENXULUMENE NOSETYENZISO LWAMAJELO ONXIBELELWANO NOTHUNGELWANO OLUNTU NGABAFUNDI, NGO-2017  (ubukhulu: 38 KB)