1. ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (DBE) libambisene nawo onke amasebe emfundo amaphondo liya kuququzelela kwakhona, lilawule yaye libeke esweni uMnyhadala woKhuphiswano lweeKwayala zeZikolo zaseMzantsi Afrika ka-2016 (South African Schools Choral Eisteddfod) (SASCE).
2. Ukhuphiswano luka-2016 lucwangciswe ngokutsha ukwenzela ukuba lubandakanye abafundi abangaphezulu yaye lulungiselela iikwayala zezikolo kula macandelo alandelayo:

Izikolo eziziiprayimari
Iimveku (AmaBakala R-2)
Isigaba sesiseko (AmaBakala 3-4)
EsiPhakathi (AmaBakala 5-7)
Izikolo zasezifama

Izikolo eziziisekondari
I-Secondary A

Zizikolo ezitshatsheleyo kule minyaka mine idlulileyo kwezi kwiindidi zintlanu zivunyiweyo (o.k.t. iikwayala ezingumxube – i-African, i-Afrikaans, i-Western neekwayala zamadoda namabhinqa). Izikolo ze-Secondary B
Zizikolo ezithatha inxaxheba okokuqala nezo zikolo bezikhe zathatha inxaxheba kule nkqubo kodwa azagqithela ukufikelela kumanqanaba kazwelonke. Udidi i-Open Category
Kuzo zombini ezi ndidi zingentla kuya kukhethwa naluphi na udidi abalubona lufanelekile kukhuphiswano.

Kucelwa ukuba ufunde imigaqo ethi "2016 Participating Rules" yomculo omiselweyo neekhrayitheriya zokuthatha inxaxheba. Inqununu nombhexeshi wekwayala (conductor) KUFUNEKA bafunde baziqhelanise nale migaqo. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kubeka phantsi kweliso elibukhali izikolo ezithatha inxaxheba kwiSASCE kuwo onke amanqanaba. Izikolo ezingayithobeliyo le migaqo ziya kukhutshwa (disqualified) ngoko nangoko yaye zingabi nakuvunyelwa ukuthatha inxaxheba kwiSASCE ithuba leminyaka emihlanu ezayo.

3. Iikwayala zesigaba sesiseko ziya kuthatha inxaxheba kuphela kwiminyhadala yezithili. Ezi kwayala azisayi kuthatha nxaxheba kwizigaba zamaphondo nezikazwelonke zalo mnyhadala wokhuphiswano.
4. Kumiselwe amaculo (music pieces) kuwo onke la macandelo. Imigaqo yokuthatha inxaxheba nee-music scores zika-2016 zinokukotshelwa kwiziko lewebhu leDBE apha: http://www.thutong.doe.gov.za/Default.aspx?alias=www.thutong.doe.gov.za/schoolenrichment Unako kwakhona ukuqhagamshelana neofisi yesithili yakho ukufumana uncedo lomculo okanye lwemigaqo yokuthatha inxaxheba.
5. Ukungenela ukhuphiswano, izikolo mazizalise ifom yokubhalisa eqhotyoshelwe apha yaye ibuyiselwe kwigosa elichaphazelekayo elijongene nezophuhliso lwezikolo kwiofisi yesithili ungadlulanga owe- 18 Matshi 2016. Kucelwa izikolo zinciphise inani lekwayala libe ngabafundi abangama-45. Oku kunceda ekwenzeni kube lula ukwenza amalungiselelo.
6. Ababhexeshi beekwayala neenqununu zezikolo ezibhalisayo ziya kubizelwa koomasifundisane besithili ukubaqhelanisa nomculo omiselweyo kwanemigaqo yokuthatha inxaxheba.
7. Imijikelo yesithili neyephondo yokukhiqa iikwayala ezingaqhubanga kakuhle (elimination rounds) kwiphondo iya kubanjwa phakathi kukaEpreli noMeyi 2016, ngokulandelelanayo.
8. Izikolo ziya kuvunyelwa kuphela ukuqhubela phambili ukuya kwinqanaba elilandelayo ukuba zifumene amanqaku enqanaba 3 (60%) kwinkqubo yazo nangaphezulu oko kusenziwa ngabagwebi.
9. Iinqununu neekomiti zabaphathi bezikolo (school management teams) maziqinisekise ukuba ukuziqhelanisa kweekwayala akuphazamisani nenkqubo yokufunda yesikolo kunye nexesha lokufunda nokufundisa (contact time). Bekubeke esweni oku loo nto inyanzelisa ukuba ababhexeshi beekwayala bangaceli abafundi ukuba baye kuqhelaniso lweekwayala ngexesha lokufundisa.
10. Izikolo ezithatha inxaxheba kwezi ziganeko mazizenzele amalungiselelo azo okuhamba nawokulala. IWCED iya kunika inkxaso-mali ukwenzela ukuhamba nokulala ngolu hlobo lulandelayo:

  • Izikolo ezihamba ngaphezulu kwama-200 km (ukubuya) ziya kufumana inkxasomali eya kufikelela kwisixa-mali esiphezulu sika-R3 000.00 ngesikolo ngasinye ukwenzela ukhuphiswano imijikelo yesithili nemijikelo yephondo.
  • Isikolo esihamba ngaphezulu kwama-700 km (ukubuya) siya kufumana inkxasomali eya kufikelela kwisixa-mali esiphezulu esingama-R5000.00 ngesikolo ngasinye ukwenzela imijikelo yesithili kunye neyephondo.
  • Indawo yokulala eyenzelwa imijikelo yephondo iya kuxhaswa ngemali nge-R100.00 ngomfundi ngamnye ngobusuku ngabunye.

Ezi nkxaso-mali ziya kuhlawulwa lusakuba lusayiniwe uXwebhu lweNtsebenziswano (Memorandum of Understanding) oluya kungeniswa kwaNdlunkulu ubuncinane iiveki ezi-3 phambi kwesiganeko.

11. Umnyhadala wokhuphiswano lweekwayala lokugqibela kuzwelonke uya kubanjelwa eRhawutini phakathi kowe-28 nowe-30 Juni 2016. IWCED iya kuhlawulela ezothutho nokulala kwabafundi abangama-45 besikolo ngasinye ngalo msitho. IWCED ayisayi kutenxa koku.
12. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane ababhexeshi beekwayala, ootitshala nabazali kunye nabafundi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:02:25

UMnyhadala woKhuphiswano leeKwayala zeZikolo zaseMzantsi Afrika ka-2016 - Ifom yokubhalisa  (ubukhulu: 34 KB)
Iinkcukacha zoqhagamshelwano zamagosa ezithili  (ubukhulu: 27 KB)