1. ISetyhula 0034/2015, yazise ukuba iincwadi zomsebenzi zabafundi bamaBakala R – 9 kwiinyanga ezintandathu (6) zokugqibela zika-2016, ziya kusiwa kuzo zonke izikolo zikarhulumente. Ezi ncwadi zomsebenzi zaye zaziswa ziphelele kuzo zonke izikolo zikarhulumente ungadlulanga owe-12 Februwari 2016. Iincwadi zomsebenzi zeBakala R ziqulethe iNcwadi 3 no-4 (zekota 3 no-4) neencwadi zomsebenzi zamaBakala 1 – 9 zeVolyum 2 (zeKota 3 no-4).
2. Phakathi kowe-06 nowe-12 Apreli 2016 zonke izikolo zikarhulumente mazingene kwi-CEMIS ukuze zikwazi ukuqaphela iincwadi zomsebenzi ezishotayo nezingaphezu kwemfuneko zamaBakala R – 9. Ngeli xesha izikolo zifanele ukuwafaka ekhompyutheni yaye ziwasayinele amanani aqikelelweyo abafundi ango-2016, kunye netotali yenani leencwadi zomsebenzi ezaye zafunyanwa ncakasana zesifundo ngasinye kumaBakala R – 9, kwiCEMIS.
3. Xa izikolo zingena kwi-CEMIS, zifanele ukukhetha u-"Administration" option okwi-menu bar. Kwi-drop down list, zikhethe u-"Workbooks" ukuze zikhethe u-"Welcome and guidelines" okanye iskrini esino-"Capture".
4. Kungaqhagamshelwana naba bantu balandelayo ukuba ufuna uncedo ngokufaka iinkcukacha zakho nangenkqubo yokuzisayinela (sign off process):

Vuyelwa Madasi (ifoni 021 467 2108), okanye idilesi ye-imeyili
vuyelwa.madasi@westerncape.gov.za

Bongiwe Nkwali (ifoni 021 467 2221) okanye idilesi ye-imeyili
Bongiwe.Nkwali@westerncape.gov.za

Kashiefa Sedien (Ifoni 021 467 2553) okanye idilesi ye-imeyili
Kashiefa.Sedien@westerncape.gov.za

5. Zakuba zifakiwe zonke iinkcukacha zeencwadi zomsebenzi zesikolo zezo zigaba zithile, mayigqitywe inkqubo yokusayinelwa kwazo.
6. Ingcaciso efunyenweyo ngeencwadi zomsebenzi ezishotayo nezingaphezu kwemfuneko iya kwenziwa ifumaneke kumagosa ezithili ekuluxanduva lwawo ukuququzelela nokulungiselela ukuhanjiswa kweencwadi zomsebenzi ezishotayo okanye ezingaphezu kwemfuneko.
7. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:02:29