1. UMphathiswa weMfundo esiSiseko kaZwelonke wakhupha imimiselo yokuhlawulwa kwembuyiselo ngenxa yokuxolelwa ekuhlawuleni iifizi zesikolo kwizikolo ezihlawulisa iifizi ezikwinqanaba lentlupheko kuzwelonke u-4 no-5 kwiGazethi kaRhulumente 33971, yowe-28 Januwari 2011.

2. Imbuyiselo ngenxa yokuxolelwa ekuhlawuleni iifizi zesikolo iya kusoloko iyeyonyaka wesikolo ongaphambili, umz. imbuyiselo ehlawulwa ngo-2016 yeyoxolelo ekuhlawuleni iifizi olwavunywa kunyaka wesikolo ka-2015.

3. Ezi meko zoxolelo kwintlawulo yeefizi zesikolo zilandelayo ziya kufaneleka kwizicelo zamabango asemthethweni:
3.1 Umfundi osele exolelwe kuba eyinkedama okanye elahlwe tyaa (abandoned) ngabazali bakhe.
3.2 Umfundi ohlawulelwa isibonelelo segranti karhulumente yezentlalo enxulumene nokuthwaxwa yintlupheko (poverty-linked state social grant).
3.3 Umfundi obazali bakhe babenze isicelo sokuxolelwa ukuhlawula iifizi zesikolo, nesavunywa libhunga lolawulo (qaphela ukuba isicelo nemizuzu yentlanganiso yebhunga lolawulo mazibe nokufumaneka esikolweni ngeenjongo zophicotho-ncwadi zesikolo).

4. Amaxesha asikiweyo

Izikolo mazibe sezifake ekhompyutheni izicelo zamabango ngenxa yokuxolelwa qho ngonyaka ungadlulanga owe-27 Meyi 2016. Isicelo esingeniswe emva kwexesha elisikiweyo asisayi kwamkeleka. Isicelo ngasinye siya kuya kungqinisiswa yi-ofisi yesithili size singeniswe kwaNdlunkulu ukuze kwenziwe intlawulo. Iintlawulo ke ngoko ziya kwenziwa kwizikolo ezifanelekileyo ungadlulanga owe-15 Novemba qho ngonyaka.

Imihla yonyaka wesikolo ka-2015 – izicelo zamabango okuxolelwa ukuhlawula iifizi zesikolo

Umhla Omakwenziwe
04 Apreli 2016 I-CEMIS yenziwa ifumaneke ukwenzela ukufaka idatha
27 Meyi 2016 Umhla wokugqibela wokufakwa kwedatha yezikolo
24 Juni 2016 Izikolo zingenisa ingcaciso ephicothiweyo kwiNtloko yezeIMG kwi-ofisi yesithili yaye kuvalwa neCEMIS kuzo zonke izikolo
31 Agasti 2016 Ii-ofisi zezithili zigqibezela inkqubo yokungqinisisa zize zisayine izicelo kwi-EduInfoSearch
30 Septemba 2016 IWCED yazisa izikolo ngezixa eziza kuhlawulwa
15 Novemba 2016 IWCED ihlawula izixa kwizikolo ezifanelekileyo

5.

Le nnkqubo imi ngolu hlobo lulandelayo:

  • Khetha u-"Public Ordinary".
  • Khetha isikolo.
  • Klikha u-"Proceed" emva koko udlule ngaphezulu kwe-ayithem yemenyu u-"Administration" uklikhe ku- "School fee exemption" wandule ukuklikha ku- "Capture Screen".
  • Khetha umfundi uze uzalise i-% yoxolelo yomfundi ngamnye enikiweyo yabafundi ekwenziwa ibango ngayo. Ithuba eliya kuqhubeka ngalo ubhaliso liya kube selwenziwe ekhompyutheni (automatically populated). Zalisa yaye uprinte isicelo sebango. Ngenisa isicelo sebango kubantu abachaphazelekayo ukuba isayinwe, o.k.t. usihlalo wekomiti yezemali, inqununu nosihlalo webhunga lolawulo. Masingeniswe kumphicothi-zincwadi kwakunye namaxwebhu axhasayo ukwenzela uphicotho-zincwadi. Funda umhlathi 6 wale setyhula.
  • Emva kophicotho-zincwadi, ngenisa iprintawuthi yesicelo sebango kwi-ofisi yesithili ukuze singqinisiswe. Iikopi ezisayiniweyo mazigcinwe ukwenzela iinjongo zophicotho-zincwadi sisikolo nayi-ofisi yesithili echaphazelekayo. Onke amaxwebhu axhasayo makagcinwe esikolweni. Uncede ungathumeli nawaphi na amaxwebhu kwaNdlunkulu.
  • Sisakuba singqinisisiwe isicelo sebango, abaphathi beesekethe mabaprinte isicelo sebango elingqinisisiweyo ku-EduInfoSearch. Ezi rekhodi ziya kugcinwa kwi-ofisi yesithili ukwenzela imibuzo esuka kwaNdlunkulu.
6. Uphicotho-zincwadi

IsiHlomelo B seGazethi kaRhulumente sibandakanya isikhokelo somphicothi-zincwadi. La maxwebhu alandelayo makangeniswe kumphicothi-zincwadi:

  • Isabelo-mali sesebe sokugqibela semimiselo nemigangatho sonyaka ochaphazelekayo.
  • Iingxelo-mali eziphicothiweyo zonyaka ochaphazelekayo.
  • Iirejista zokuhamba isikolo kwabafundi zonyaka ochaphazelekayo.
  • Uphando oluquphayo (snap survey) lonyaka ochaphazelekayo.
  • Iifom zokuxolelwa kwintlawulo yeefizi namaxwebhu okuxhasa isicelo somfundi ngamnye oxolelweyo (kubandakanywa ubungqina bedatha yabo bathathele abafundi kubo njengabazali (forster care) nesibonelelo segranti sezentlalo apho kuchaphazelekayo).
  • Amaxwebhu avuma ukuxolelwa komfundi ngamnye oxolelweyo.

Umphicothi-zincwadi makasebenzise la maxwebhu ukungqinisisa ukuchaneka kwengcaciso enikiweyo.

Apho amaxwebhu axhasayo ekho kuphela kwifomathi yekhompyutha (electronic format), umphicothi-zincwadi makenze isicelo sokuba afikelele kuloo ngcaciso.

Umphicothi-zincwadi makazalise asayine icandelo elifanelekileyo kwifom yokwenza isicelo.

Yonke ingcaciso engangqinelaniyo nemigaqo kwanengachanekanga ngethuba lenkqubo yophicotho-zincwadi mayibhalwe phantsi. Lonke ufakelo lwezilungiso oluyimfuneko malwenziwe ngumphathi wesekethe ngethuba lenkqubo yokungqinisisa.

ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) aliyi kusamkela isicelo esingasayinwanga ngumphicothi-zincwadi okanye umphicothi-zincwadi athe wanombuzo ngokungqinisiseka kwaso (validity).

Izicelo zezikolo maziphicothwe njengenxalenye yophicotho-zincwadi olwenziwa qho ngonyaka lwesikolo ngasinye.

Ifom yesicelo ephicothiweyo mayingeniswe kwiNtloko yezeIMG kwi-ofisi yesithili semfundo.

Yonke ingcaciso efunyenweyo iya kulandela inkqubo yokungqinisiswa yiWCED. Ukuba kukho nayiphi na ingcaciso efunyaniswe inenkohliso (fraudulent), isikolo esifaka isicelo siya kohlwaywa, nto leyo enokubandakanya inyathelo loluleko ngakuloo nqununu ibingqinisisa ingcaciso kunye/okanye ukubuyiswa kwayo nayiphi na intlawulo eyenziweyo. Ukungeniswa kwesicelo emva kwexesha elisikiweyo (o.k.t. emva kwe-24 Juni 2016), ingcaciso engaphelelanga, ingcaciso etshintshiweyo (altered information), ingcaciso engachanekanga nengcaciso engeniswe ngefomathi engachanekanga iya kusenza eso sicelo sibe sesingekho mthethweni (invalid). Makungeniswe ifom yentsusa (original) ezaliswe ngokupheleyo, ingabi yikopi yayo. Kucelwa uqaphele ukuba iWCED iya kwamkela kuphela iifom zezicelo ekubonelelwe ngazo yiCEMIS.


7. Ukubala

Isakuba igqityiwe inkqubo yokungqinisisa, iWCED iya kuqinisekisa malunga nexabiso elipheleleyo lezicelo zamabango ezipheleleyo, emva koko izikolo zaziswe ukuba ngaba zizifanele na ezo zixa-mali zentlawulo ziya kuzifumana.

Isixa-mali isikolo esiya kusifumana ngomfundi ngamnye, siya kubalwa ngolu hlobo lulandelayo:

  • Ithuba (inani leentsuku ababhaliswe ngazo enyakeni).
  • Ipesenti yokuxolelwa.
  • Isabelo-mali se-N&S ngomfundi ngamnye.
  • Nomyinge obekiweyo kwizikolo ezingahlawulisi fizi (R11169 ngo-2015).

Imizekelo yokubalwa kwezixa-mali:

Inombolo ye-ID yomfundi Iintsuku zobhaliso zabafundi Ipesenti yoxolelo Isabelo-mali se-N&S Ukubalwa kwezixa-mali ngo-2015
1 200 100% 557 200/200 x 100% x (1116 – 557) = 559
2 100 50% 557 100/200 x 50% x (1116 – 557) = 140
3 150 50% 557 150/200 x 50% x (1116 – 557) = 210

I-WCED iya kuba nako ukubala ukuba ngaba i-100% yebango yesikolo inokuhlawulwa kuphela kwakuba kufunyenwe zonke izicelo zamabango kwaza kwabalwa nesixa-mali xa sisonke. Esi sixa-mali sisonke siya kuthelekiswa nebhajethi yonyaka iyonke kolu ngenelelo ngoncedo. Iimali ziya kuhlawulwa kwizikolo ezifanelekileyo ungadlulanga owe-15 Novemba ngonyaka lowo kwenziwe ngawo isicelo.


8. Kucelwa uqaphele ukuba le setyhula ithatha indawo yeSetyhula 0006/2015.

9. Nayiphi na imibuzo yokuzaliswa kwefom yesicelo inokuthunyelwa kumphathi wesekethe kwi-ofisi yesithili echaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:02:16

"Government Gazette 33971"  (ubukhulu: 220 KB)