1. |
Kunikwe imvume yokunyuswa kwezi bhasari zilandelayo ukususela nge-01 Apreli 2016: |
1.1 |
Eyona mali iphezulu yeebhasari zokubhoda ezihostele ehlawulelwa abafundi abasweleyo abasezihostele kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo inyusiwe ukusuka kwi- R7 314.00 ukuya kwi-R7 767.00 ngomfundi ngamnye ngonyaka. |
1.2 |
Eyona mali iphezulu yeebhasari zokubhoda kwiindawo zabucala kunye neebhasari zezothutho ezihlawulelwa abafundi abasweleyo kwiZithili zeMfundo i-West Coast, i-Cape Winelands, i-Eden & Central Karoo ne-Overberg inyusiwe ukusuka kwi-R1 706.00 ukuya kwi-R1 811.00 ngomfundi ngamnye ngonyaka.
Qaphela: Zonke ezi bhasari zilapha ngasentla zibalwa ngokungqinelana novavanyo lobungakanani beemfuno (means test) oluvunyiweyo (makufundwe iNgcaciso eMfutshane ye-IMGP 0016/2011) neekhrayitheriya ezimiselweyo ezicaciswe (kwiSetyhula 0143/1998 ye-6 Novemba 1998 neSetyhula 0029/2001 ye-13 Matshi 2001.
|
2. |
Kukwavunyiwe kwakhona ukunyuswa kwezi nkxaso-mali (subsidies) zabasebenzi zilandelayo ukususela nge-01 Apreli 2016: |
2.1 |
Inkxaso-mali yabasebenzi ehlawulwa kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezinenani labafundi ababhalisileyo elingaphantsi kwabafundi abayi-201, ukwenzela ukuqesha oomabhalane nabasebenzi beenkonzo eziqhelekileyo, inyusiwe ukusuka kwi-R490.00 ukuya kwi-R520.00 ngomfundi ngamnye ngonyaka. |
2.2 |
Inkxaso-mali yabasebenzi ehlawulwa kwiihostele zezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezinenani labafundi elingaphantsi kwabafundi abayi-50 abahlala ehostele ukwenzela ukuqesha oomabhalane, inyusiwe ukusuka kwi-R7 314.00 ukuya kwi-R7 767.00 ngomfundi ngamnye ngonyaka. |
2.3 |
Inkxaso-mali yabasebenzi ehlawulwa kwiihostele zeecawa okanye kwezabucala ukwenzela ukuqesha oomabhalane nabasebenzi beenkonzo zokucoca, inyusiwe ukusuka kwi-R1 709.00 ukuya kwi-R1 815.00 ngomfundi ngamnye ngonyaka. |
3. |
Kucelwa wazise okukule setyhula amalungu ebhunga lolawulo nabo bonke abantu abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:02:05
|
|