1. Ngokwemimiselo yomhlathi 4.5.2 weSigqibo 7 seBhunga loThetha-thethwano laBasebenzi beNkonzo kaRhulumente (Public Service Bargaining Council (PSCBC)), sango-2015, bonke abaqeshwa abangabaninindlu abakufaneleyo ukufumana isibonelelo semali yezindlu (housing allowance) baya kufumana isixa esinyusiweyo esiyi-R1 200.00 ngenyanga ukususela nge-01 Julayi 2015, ngokuxhomekeke ekubeni bawangenisile amaxwebhu afunekayo.

2. Umninindlu ngumqeshwa:
2.1 onoxwebhu oluyitayitile ebhalisiweyo yokuba ungumnini wepropathi yendawo yokuhlala nonebhondi okanye onemali-mboleko yendlu (mortgage bond or home loan); okanye
2.2 onoxwebhu oluyitayitile ebhalisiweyo yokuba ungumnini wepropathi yendawo yokuhlala nongenayo ibhondi okanye imali-mboleko yezezindlu (mortgage bond or home loan) kwipropathi elolu hlobo); okanye
2.3 ohlala ngemvumelwano kumhlaba ekuhlala nabanye abahlali kuwo (communal land) noneSatifikethi semvume yokuhlala kulo mhlaba esisemthethweni esiyi-Permission to Occupy (PTO) Certificate; yaye
2.4 makabe ngohlala kwindlu ekhankanyiweyo kunye nosapho olusondeleyo kuye.

3. Ngokomhlathi 4.1.4 weSigqibo 7 se-PSCBC sango-2015, kunyanzelekile ukuba babhalise kwesi skim, bonke abaqeshwa abanqwenela ukuyisebenzisa le nkonzo ibonelelwayo nge-GEHS:
3.1 Kufuneka abaqeshwa bazalise yaye basayine le fom yesicelo (iqhotyoshelwe apha) esihloko sithi "GEHS Employee Enrolment: housing allowance for home-owners"
3.2 Bangenise amaxwebhu abubungqina bokuba bangabaninindlu, njengoko kuchaziwe kumhlathi 2 wale setyhula, yaye bahlala kule ndlu ichaphazelekayo.

4. Iifom ezizaliswe ngokupheleleyo mazithunyelwe kwiCandelo laMalungelo aVela kwiNkonzo (Directorate Service Benefits) kwaNdlunkulu ungadlulanga owe-05 Februwari 2016.

5. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abaqeshwa ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:02:02

"GEHS Home Owner Application Form"  (ubukhulu: 176 KB)