1. Uyaziswa ngokwenjenje ngezilungiso ezincinane kwimihla namaxesha amiselweyo okwamkela abafundi ukulungiselela u-2017/18.
2. Esi silungiso simele ukufundwa neSetyhula 0040/2016 esebenza kwizicelo ezifunyenwe ngo-2017 zokwamkelwa kwabafundi kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ngo-2018.
3. Landisiwe ukuya kwi-03 Juni 2017 ixesha elimisiweyo ukulungiselela izikolo ukuba zazise abazali ngesiphumo sezicelo zabo.
4. Izikolo mazichaze ngokunjalo isiphumo sazo zonke izicelo ezifunyenwe kwi-School Admissions Management Information (SAMI) system ungadlulanga owe-03 Juni 2017.
5. Kwenziwe esi silungiso ukunika ixesha elingaphezulu lokuba izikolo zisingathe izicelo, ngenxa yokuba zifumana izicelo ezininzi kakhulu.
6. Imihla eseleyo ngokweSetyhula 0040/2016 ihleli ingatshintshanga.

Umsebenzi Umhla
Izikolo zifaka amanani obhaliso acwangcisiweyo kwi-SAMI. 30 Januwari 2017
Kuvuliwe ukwamkelwa kwabafundi (kuzo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo) 06 Februwari 2017
Kuvaliwe ukwamkelwa kwabafundi (kuzo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo) 24 Matshi 2017
Kwaziswa abazali ngeleta ngesiphumo sesicelo 03 Juni 2017
Abazali bangqina ukuyamkela indawo yokufunda 30 Juni 2017
Izikolo zizalisa iindawo ezikhoyo KwiKota yesi-3 ka-2017
7. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:11:18