1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) linqwenela ukwazisa zonke izikolo zikarhulumente ngemigqaliselo (prescripts) yesiqendu 38A soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, ka-1996 (uMthetho 84 ka-1996). |
2. |
Ngesi sizathu, iSetyhula 0011/2004 neSetyhula 0039/2004, eziqhotyoshelweyo, zowe-18 Februwari 2004 nezowe-09 Agasti 2004, ngokulandelelanayo, zisasebenza yaye kufuneka zisetyenziswe kunye nenkqubo yokusebenza i-Application Procedure njengoko ichaziweyo ngokwe-SASA ukuqinisekisa ukuhambelana mbo nemimiselo. |
3. |
Ngaphezulu, kucelwa uqaphele izilungiso ezenziwe kule nkqubo ichazwe ngentla eyi-Application Procedure, ngokukodwa ingongoma 1.4, ukuqinisekisa ulawulo olululo nokuhambelana mbo nomgaqo njengoko uchaziweyo kwi-SASA. |
4. |
Kucelwa uqaphele ukuba umhla osikiweyo ngo-2017 wokungeniswa kwezicelo eziphathelele kwisiqendu 38A ngowe-15 Disemba 2016. Emva koko, izicelo mazingeniswe ungadlulanga owe-15 Disemba qho ngonyaka okanye ngoLwesihlanu wokugqibela waloo veki ichaphazelekayo, ukuba umhla we-15 Disemba uwela kwimpela-veki. |
5. |
Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abathathi-nxaxheba abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-L ELY
INTLOKO YESEBE LEMFUNDO EBAMBELEYO
UMHLA: 2016:11:18
|
 |