1. |
Isixa esikhulu semimiselo nemigangatho yolwabiwo-mali sisetyenziswa qho ngonyaka ukunika abafundi iincwadi zezifundo kuwo onke amabakala. |
2. |
Kunyanzelekile ukuba iinqununu, ootitshala, abafundi nabazali bazinonophele ezi ncwadi zezifundo yaye bazifumane kwakhona ezi ncwadi zezifundo ukwenzela ukuba ziphindwe zisetyenziswe kwithuba leminyaka emi-3 ukuya kwemi-4 yethuba lokusetyenziswa kwazo. |
3. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni kufuneka lingenise ingxelo yaqho ngonyaka ngokugcinwa kweencwadi zezifundo nangokufunyanwa kwazo kwakhona liSebe leMfundo esiSiseko nokuba zigcinwe leli Sebe iirekhodi ukwenzela iinjongo zokuphicothwa kweencwadi. |
4. |
Kwenziwe ingxelo esisiseko engeencwadi zezifundo kwiCEMIS ukwenzela ukuba izikolo zixele ukuba zingaphi na iincwadi zezifundo ezakhutshelwa abafundi yaye zingaphi na ezabuyiswayo ezifunyenweyo ngebakala ngalinye. |
5. |
Ziyacelwa izikolo ziyizalise yaye ziyisayinele le ngxelo kwiCEMIS phakathi kwe-18 Novemba 2016 ne-08 Disemba 2016. |
6. |
Ukufikelela kwiskrini i-capture screen kwiCEMIS yiya:
- kwi-"Administration" tab; uze
- ukhethe u-"Textbook Retrievals" kwi-drop down menu uze uyizalise ingxelo.
|
7. |
Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-L ELY
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:11:17
|
|