1. Ukuhlaziywa kwamanani ezithuba ezabelwe izikolo zabasebenzi abanika inkxaso benkonzo karhulumente kwizikolo zikarhulumente ukulungiselela ithuba elisusela nge-01 Apreli 2017 ukuya kwi-31 Matshi kwakwenziwe ngokususelwa kumanani abafundi njengoko anjalo ngowe-31 Julayi 2016 ngokungqinelana nemimiselo nemigangatho evunyiweyo.

2. Oku kuhlaziywa sele kukhankanywe apha ngaphambili bekusenziwa ngokwale migqaliselo ilandelayo:

  1. ukugcina uzinzo ezikolweni ukwenzela u-2017;
  2. ukumisela ukuchaphazeleka kwemeko yezemali kukwandiswa kwesabelo-mali sabasebenzi abanika inkxaso benkonzo karhulumente ngokungqinelana nesabelo sebhajethi sango-2017/2018 senkqubo-sikhokelo senkcitho yethuba eliphakathi (medium term expenditure framework); kunye
  3. nokuhlenga-hlengiswa kwesabelo-mali sabasebenzi abanika inkxaso benkonzo karhulumente kwizikolo eziphulukene nabafundi, okufuna ukulungelelaniswa kwesabelo-mali sabasebenzi abanika inkxaso benkonzo karhulumente kwimimiselo nemigangatho evunyiweyo.
3. Ngenxa yeemeko zezemali ezingumngeni zangoku kwibhajethi yembuyiselo yabaqeshwa yeSebe leMfundo leNtshona Koloni, iNtloko eBambeleyo yezeMfundo ikuvumile ukugcinwa kwesabelo-mali sabasebenzi benkonzo karhulumente sango-2016/17 kwizikolo ezigcine/ezinyuse amanani abafundi azo kwithuba elisusela nge-01 Apreli 2017 ukuya kwi-31 Matshi 2018. Izikolo ezijongene nokuphulukana nezithuba ngenxa yokuhla kwamanani abafundi, ziya kufumana izabelo-mali ezihlenga-hlengisiweyo zabasebenzi abanika inkxaso benkonzo karhulumente ukulungiselela ithuba elisusela nge-01 Apreli 2017 ukuya kwi-31 Matshi 2018.

4. Izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezijongene nokuphulukana nezithuba zabasebenzi abanika inkxaso benkonzo karhulumente nge-01 Apreli 2017 nezinabaqeshwa bemvumelwano (contract employees) kwizithuba ezichaphazelekayo azinako ukuzandisela elinye ixesha iimvumelwano zabaqeshwa abachaphazelekayo kude kube ngaphaya kwe-31 Matshi 2017. Iinqununu mazibazise abaqeshwa bemvumelwano (contract employees) abachaphazelekayo ungadlulanga owe-30 Novemba 2016, ukuba ngenxa yokupheliswa kwezithuba zabo, iimvumelwano zabo azisayi kwandiselwa ixesha elingaphaya kowe-31 Matshi 2017.

5. Izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezinokuphulukana nezithuba zabasebenzi abanika inkxaso benkonzo karhulumente nge-01 Apreli 2017 nabebekade beqeshwe isigxina kwizithuba ezichaphazelekayo kuya kufuneka kulandelwe inkqubo yabasebenzi abangaphezu kwemfuneko efana naleyo isebenza kootitshala. Bonke abasebenzi abavakaliswe njengabangaphezu kwemfuneko baya kumataniswa yaye bafakwe kwizithuba ezingenabantu kwezinye izikolo. Inkqubo yokumataniswa nokufakwa kwizithuba iya kulawulwa zii-ofisi zezithili. Bonke abaqeshwa abangaphezu kwemfuneko abangenako ukumataniswa nokufakwa kwizithuba, baya kuhlala ezikolweni zabo yaye aziyi kutshintshwa iimeko zabo zengqesho.

6. Xa kunokwenzeka ukuba kubekho izithuba ezisisigxina ezingenamntu, abaqeshwa abangaphezu kwemfuneko baya kuqwalaselelwa ukuqeshwa kuqala ekumatanisweni nasekufakweni kwabo kwizithuba ezilolu hlobo phambi kokuba kunikwe imvume yokuzaliswa kwezithuba zemvumelwano.

7. Amanani ezithuba ezabelwe izikolo zabasebenzi abanika inkxaso benkonzo karhulumente ukulungiselela u-2017, aya kupapashwa kwi-CEMIS phantsi ko"Administration" ngowe-10 Oktobha 2016.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:10:13