1. ISetyhula 0029/2016, yazise ukuba iincwadi zomsebenzi zabafundi bamaBakala R – 9 kwiinyanga ezintandathu (6) zokuqala zika-2017, ziya kusiwa kuzo zonke izikolo zikarhulumente. Ezi ncwadi zomsebenzi bezicwangciselwe ukusiwa ngokupheleleyo ungadlulanga owe-22 Septemba 2016. Iincwadi zomsebenzi zeBakala R ziqulethe iNcwadi 1 no-2 (zeKota 1 no-2) neencwadi zomsebenzi zamaBakala 1 – 9 zeVolyum 1 (zeKota 1 no-2).
2. Phakathi kowe-24 nowe-28 Oktobha 2016 mazingene kwi-CEMIS zonke izikolo zikarhulumente ukuze zikwazi ukuqaphela iincwadi zomsebenzi ezishotayo nezingaphezu kwemfuneko zamaBakala R – 9. Ngeli thuba izikolo zifanele ukuwafaka ekhompyutheni yaye ziwasayinele amanani abafundi aqikelelweyo ango-2017, kunye netotali yenani leencwadi zomsebenzi zesifundo ngasinye ezifunyenweyo ngokwenene zamaBakala R – 9, kwiCEMIS.
3. Xa izikolo zingena kwi-CEMIS, zifanele ukukhetha u-"Administration" option okwi-menu bar. Kwi-drop down list, zikhethe u-"Workbooks" ukuze zikhethe u-"Welcome and guidelines" okanye iskrini esino-"Capture".
4. Kunokuqhagamshelwana naba bantu balandelayo ukufumana uncedo ngokufaka iinkcukacha zakho nangenkqubo yokuzisayinela (sign off process):

Vuyelwa Madasi (ifoni 021 467 2108), okanye idilesi ye-imeyili
Vuyelwa.Madasi@westerncape.gov.za

Bongiwe Nkwali (ifoni 021 467 2221), okanye idilesi ye-imeyili
Bongiwe.Nkwali@westerncape.gov.za

Kashiefa Sedien (Ifoni 021 467 2553), okanye idilesi ye-imeyili
Kashiefa.Sedien@westerncape.gov.za

5. Zakuba zifakiwe zonke iinkcukacha zeencwadi zomsebenzi zesikolo zezo zigaba zithile, mayigqitywe inkqubo yokusayinelwa kwazo.
6. Ingcaciso efunyenweyo ngeencwadi zomsebenzi ezishotayo nezingaphezu kwemfuneko iya kwenziwa ifumaneke kumagosa ezithili ekuluxanduva lwawo ukuququzelela nokulungiselela ukuthathwa kweencwadi zomsebenzi ezishotayo okanye ezingaphezu kwemfuneko.
7. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:10:06