1. Ingcaciso enika imvelaphi
1.1 Kwilinge lokuphucula amathuba nokusombulula eminye imingeni ejamelene nabemi beli phondo, uRhulumente wePhondo leNtshona Koloni (Western Cape Government (WCG)) uphawule iinkqubo zongenelelo ngoncedo ezisixhenxe okanye ii-"game-changers" ezenzelwe ukutshintsha indlela le miba esingathwa ngayo ngoku. Ezi nkqubo zizisa utshintsho okanye ii-game-changers zezi:

  • Ukwandisa iinkqubo zoqeqeshelo-msebenzi (apprenticeships)
  • Ukufezekisa ukhuseleko losetyenziso lwamandla
  • Ukusebenzisa i-intanethi ekhawuleza kakhulu
  • Ukuqaliswa kwenkqubo ye-eLearning ezikolweni
  • Ukongeza imisebenzi esemgangathweni yasemva kweeyure zesikolo
  • Ukuhlahla indlela yenkqubo yokuphila ngcono
  • Ukunciphisa umonakalo onxulumene nokusetyenziswa gwenxa kotywala
1.2 I-WCG neSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) zakha isiseko se-eLearning kwiphondo kwithuba leminyaka emithathu ezayo. Le nto iya kunceda ekufumanekeni kwezibonelelo zokufunda nokufundisa zasekhompyutheni nenkxaso eya kuba negalelo kumbono wokwakha uluntu olukwinqanaba eliphezulu "olunobungcaphephe, olwenza izinto ngeendlela zale mihla, ukusebenzisa izibonelelo zoncedo ngendlela enoqoqosho, isizwe esinamathuba amahle omntu wonke".

2. Inkqubo yasekhompyutheni ye-eLearning game-changer
2.1 Inkqubo yasekhompyutheni ye-eLearning game-changer ichaza ngokuzibophelela kweWCED ekwandiseni isiseko sethekhinoloji ekhoyo kwanezixhobo zasekhompyutheni ukwenzela ukuba kwenziwe iindawo zokufunda ezisebenzisa i-intanethi (virtual learning environments) ezikolweni owona mba ubaluleke ngokugqithisileyo.
2.2 I-eLearning Game-changer igxininisa kumacandelo amathandathu okwenza ezi zinto zilandelayo, ukuqaliswa kwe-eCulture ezikolweni ixhaswa yi-eInfrastructure, i-eAdmin system yokulawula isikolo, nootitshala abaqeqeshwe kakuhle kakhulu abazii-eTeachers abasebenzisa i-eTechnology ne-eContent kwizifundo zabo.

Umzobo 1: Amacandelo e-eLearning


3. Umgaqo-sikhokelo wokufundisa
3.1 I-WCG izimisele ukubonelela ngoqhagamshelwano lwe-Intanethi olukhawuleza kakhulu (high-speed broadband connectivity) phantse kuzo zonke izikolo ezikwiphondo ngokusebenzisa uqhagamshelwano i-Wide Area Network (WAN) ne-Wi-Fi connectivity. Phantsi kuzo zonke iisayithi. Kuya kuqalwa kubonelelwe ngolunye uqhagamshelwano ezikolweni ezingenako ukuqhagamshelana nge-fibre-optic grid.
3.2 I-WCED iqalise okwethutyana ngenkqubo eyenziwa ngamaxesha ashiyanisiweyo (staggered), ethagethiweyo, ezigxininisa kwizisombululo neziya kukhuthaza ukufunda okugxininisa kwiziphumo kokuqaliswa kwe-eLearning engabandakanya ukuhlaziywa ngokutsha kwethekhinoloji ekhoyo yasekhompyutheni. Le nkqubo ixhobisa iiklasi ezifundisa izifundo zazo nge-intanethi, ukunika abafundi nootitshala izixhobo kunye nokunika ootitshala uqeqesho nophuhliso olungqalileyo lwethekhinoloji.
3.3 I-WCED inika amathuba okufumaneka kwezixhobo zokufunda nokufundisa kusetyenziswa i-intanethi edlula kwi-ePortal kwaye iya kusebenzisana nootitshala kunye nababhali bekhontenti ukwenzela ukufaka ingcaciso emana ukwandiswa kumathuba ngamathuba ngokungqinelana nezixhobo zasekhompyutheni ezihambelana mbo no-CAPS.

4. Izikolo
4.1 Ukwenzela ukuba kube nokhawuleziswa ukufumaneka kwendawo yokufundela esebenzisa i-intanethi, izikolo zahlulwa-hlulwe zangamacandelo amathathu angala alandelayo, izikolo ii-Universals, ii-Enhanced kunye nee-Model Schools.
4.2 Izikolo ii-Universal Schools ziya kuqala zibe nendlela esisiseko yokungena kwi-intanethi kusetyenziswa ilebhu yekhompyutha okanye igumbi le-Information and Communication Technology (ICT). Kwezi zikolo, i-WCG iya kuvumela abafundi nootitshala ukuba bangene kwi-WAN kwaye inike ithuba ootitshala lokufikelela kwizixhobo ze-intanethi ngokusebenzisa i-WAN kudlulwa kwii-LABs nakwiipoyinti zokungena ze-Wi-Fi ezigcinwe ndawonye.
4.3 Izikolo ii-Enhanced Schools zezo zikolo zabafundi abasele benayo okanye abaya kuba befumana uqhagamshelwano i-LAN ngethuba lokusebenza kwe-game-changer. I-LAN ilungiselela uqhagamshelwano lwe-WAN yaye ivumela uqhagamshelwano oluyi-wireless connectivity eziklasini. Ootitshala baya kuqala bafumane izixhobo zokusebenza ukwenzela ukuba baxhamle kweli thuba lokungena kwi-intanethi kwaye nabafundi banokuvunyelwa bangene kwi-intanethi ngokusebenzisa inkqubo yokuziphathela izixhobo ezizezabo abaza kuzisebenzisa ukungena kwi-intanethi i-Bring your Own Device (BYOD) model.
4.4 Izikolo ii-Model Schools ziya kusebenzisa ngokupheleleyo inkqubo yasekhompyutheni i-eLearning, kudityaniswe inkqubo i-eLearning kwiinkqubo zokufundisa zabo, ukuqulunqa nokufaka igalelo kwi-eContent, ukumisela i-eCulture kwanokwenza ezona nkqubo zingcono kakhulu eziya kuba luncedo ezikolweni kwithuba lexesha elide.
4.5 Izikolo ziya kuqhubeka ukusuka kwizikolo ezizii-Universal schools ukuyokutsho kwizikolo ezizii-Enhanced schools zize ekuhambeni kwexesha zibe zizikolo ezizii-Models schools, nokuba oko kwenziwa yiWCED okanye izikolo zizenzela ngokwazo/ngenkxaso-mali yomxhasi (donor).

5. Uqeqesho lwaqho lokuxhobisa ootitshala kwinkqubo eyi-eTeacher
5.1 I-WCED izimisele ekwenzeni inkqubo egxininisa ekuqeqesheni ootitshala kweze-ICT esekelwe kumanqanaba obuchule bukatitshala ngamnye obuye baqatshelwa ngokusetyenziswa kwesixhobo sovavanyo lwasekhompyutheni lwe-ICT.
5.2 Iingcaphephe zootitshala abazii-eTeachers bayinxalenye yesiseko sempumelelo ye-eLearning game-changer, ngaloo ndlela uqeqesho nophuhliso aluphelelanga kwizakhono ze-ICT kuphela, koko nasekusetyenzisweni kwenkqubo yokufundiswa kwezi zinto eklasini kubaluleke kakhulu kwiWCED apho bonke ootitshala kulindeleke ukuba bazinikele ngokupheleleyo kwaye banike inkxaso.

6. Ukufaneleka kwesikolo ukusebenzisa le nkqubo

Isaveyi yakutshanje eqhutywe yiYunithi ejongene noKwenziwa kweeNkonzo (Delivery Support Unit) kwiSebe leNkulumbuso ibonisa ukuba:

  • yi-85% yootitshala neenqununu abachaze ukuba bacinga izikolo zabo ziyifanele i-eLearning;
  • yi-91% yootitshala ne-99% yeenqununu abachaze bacinga ukuba i-eLearning iluncedo ekuphuculeni ukufunda nokufundisa;
  • yi-53% yootitshala echaze ukuba sekunyulwe ikomiti ye-ICT ezikolweni zabo
  • yi-52% yootitshala abachaze ukuba izikolo zabo azinamgaqo-nkqubo malunga neeklasi ezisebenzisa ithekhinoloji; kunye
  • ne-66% yootitshala abachaze ukuba basebenzisa i-ICT ukwenza isicwangciso sesifundo.
7. Amanyathelo ekufuneka athathwe ziinqununu

Ngenxa yezi ziphumo, kukhuthazwa iinqununu ukuba zixoxe:

  • malunga nokubhalwe kule setyhula nootitshala kunye namabhunga olawulo;
  • malunga nezo nkalo zikwiSicwangciso soPhuhliso lweSikolo (School Development Plan) ezisingathe imiba ekhuthaza ithekhinoloji
  • imiba yezokhuseleko;
  • imiba ekhoyo ephathelele kumbane;
  • ukulungiswa kweeklasi/kweelebhu ze-ICT;
  • imigaqo-nkqubo ye-ICT; kunye
  • neminye imiba yesikolo ephathelele kwi-ICT.
8. Unxibelelwano

Kwithuba leminyaka emithathu ezayo, kuya kubanjwa iiseshoni yaye kukhutshwe neembalelwano eziya kuni eziya kucacisa malunga nokwenzekayo kwi-eLearning game-changer kunye nemisebenzi eluxanduva lwezikolo ekuqalisweni kwale nkqubo.


9. Malunga nemibuzo

Nayiphi imibuzo ngale setyhula mayibhekiswe kuClinton Walker kwifoni: 021 467 2351 okanye kwi-imeyili: Clinton.Walker@westerncape.gov.za



ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:09:22