1. |
ISebe leMfundo esiSiseko (Department of Basic Education (DBE)) lenze izicelo, kwiSetyhula E23 ka-2016, sokuba abaviwa ababhalisele ukubhala iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) basayine isithembiso sokuzibophelela ukuba baya kuthobela imigaqo yokuziphatha kwezi mviwo (examination code of conduct). |
2. |
Lo Msebenzi wokuSayina iSithembiso kaZwelonke ulungiselelwe ukuba uqhubeke nge-14 Oktobha 2016 ngo-10:00 kwisikolo ngasinye kwezo zikolo zikarhulumente zithatha inxaxheba kwiimviwo ze-NSC ngo-2015. Ziyacelwa izikolo ezizimeleyo ezibhala iimviwo ze-DBE NSC ukuba nazo zithathe inxaxheba kuMsebenzi wokuSayina iSithembiso. |
3. |
Izikolo mazenze iikopi zeSithembiso i-NSC Examination Pledge (IsiHlomelo A) sinikwe umviwa ngamnye weBakala 12.
|
4. |
Izikolo mazibaxelele abafundi beBakala 12 ukuba ukusayina isithembiso ukwenza ngokuzithandela. Akukho mviwa makanyanzelwe ukuba asisayine isithembiso engafuni. |
5. |
Nge-14 Oktobha 2016 okanye ngomnye umhla ofanelekileyo, makubizwe indibano emiselweyo (formal assembly) yabo bonke abaviwa beBakala 12 njengenxalenye yokubaqhelisa nokubalungiselela ukubhala iimviwo zeNSC. |
6. |
Ngethuba inqununu isenza intetho, abaviwa mabafundelwe imithetho yoviwo ekwicala elingaphantsi leleta yokwamkelwa ukubhala iimviwo. |
7. |
Kufuneka kucelwe abaviwa ukuba basifunde isithembiso ngokuvakalayo, yaye emva kokuba bonke abafundi benze isithembiso, mabavunyelwe basisayine. |
8. |
Apho kunokwenzeka, makwenziwe iikopi zezithembiso ezisayiniweyo ukwenzela ukuba isikolo sibe nokugcina ikopi njengenxalenye yeerekhodi zomviwa ngamnye. |
9. |
Apho kungenakwenzeka ukuba kwenziwe iikopi zezithembiso ezisayiniweyo, isithembiso sentsusa (original pledge) masibe kumviwa we-NSC ngamnye ukwenzela ukuba asigcine kwifolda enye naleyo yeleta yokwamkelwa ukubhala iimviwo, nekufuneka zisokolo zikubaviwa de bagqibe ukubhala iimviwo ze-NSC. |
10. |
Kucetyiswa ukuba ukusayinwa kwesithembiso (pledge) kufanele ukuba kwenziwe nakwiBakala 10 no-11 ukuqinisekisa ukubakho komgangatho ofanayo ekuqhutyweni kweemviwo kwicandelo le-Further Education and Training (FET) Band. |
11. |
Esi Sithembiso siqhotyoshelweyo siyi-NSC Examination Pledge (isiHlomelo A) sinokutshintshwa apha naphaya ukulungiselela iBakala 10 no-11. |
12. |
Kucelwa iinqununu ziqinisekise ukwenziwa ngokufanelekileyo komsebenzi wokusayina isithembiso ezikolweni zazo. |
13. |
Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yabaviwa beemviwo ze-NSC ngo-2016 ngokumalunga noku. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:09:24
|
|