1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) ngokwenjenje libonelela ngesi sikhokelo silandelayo simalunga nokufakwa kwee-cellular masts nee-base stations kumasango esikolo sikarhulumente.

2. Amabhunga olawulo ezikolo zikarhulumente ezikwipropathi karhulumente makafake isicelo semvume yokufakwa okucetywayo kwe-cellular mast ne-base stations kumasango esikolo ngokungqinelana neSetyhula 0032/2012.

3. Isicelo masingeniswe sikwiletahedi yesikolo, sihambe kunye nala maxwebhu alandelayo:
3.1 Imizuzu yentlanganiso apho ibhunga lolawulo livumayo ukuba kufakwe i-cellular masts ne-base stations kumasango esikolo eso; kunye
3.2 Neleta esayinwe ngusihlalo webhunga lolawulo ebonisa igama nesikhundla selungu lebhunga lolawulo eligunyaziswe ukuba lisayine amaxwebhu ale projekthi egameni lebhunga lolawulo.

4. Ibhunga lolawulo linokungena kwimvumelwano yengqeshiso elibophelelayo ngokusemthethweni nababoneleli-nkonzo bonxibelelwano ngeeselula (cellular network providers) malunga nokufakwa kwee-cellular masts nee-base stations kumasango esikolo, ngokuxhomekeke kule miqathango ilandelayo:
4.1 Makusetyenziswe imvumelwano yengqeshiso ebonelelwe liSebe iWCED.
4.2 Ithuba lemvumelwano yengqeshiso malingadluli kwithuba elimiselweyo kwimvumelwano yengqeshiso (lease agreement) kodwa umenzi-sicelo uya kunikwa ithuba lokukhetha ukuyihlaziya imvumelwano yengqeshiso.
4.3 Irenti yaqho ngenyanga ehlawulwa ngumboneleli-nkonzo wonxibelelwano ngeeselula (cellular network providers) wabucala, mayihlawulwe kwi-akhawunti yebhanki yesikolo. Ezi mali mazisetyenziselwe iinjongo zezemfundo.
4.4 I-cellular mast ne-base station mazibiyelwe ngokukhuselekileyo (ucingo lokhuseleko lufanele ukuba bubude obuziimitha eziyi-1.8 obona bude busezantsi) ukwenzela ukuthintela abafundi ukuba basondele kakhulu kwi-cellular masts okanye kwi-base stations.
4.5 Mazibekwe kude kakhulu kwisakhiwo sesikolo (kwizakhiwo zesikolo) ii-cellular masts nee-base stations kangangoko kunokwenzeka yaye kukhethwa ukuba zibe kwindawo esekoneni apha kwisiza sesikolo nengasemva kwesakhiwo (kwezakhiwo zesikolo), esingundoqo sesikolo.
4.6 Ukuba kunokufuneka umbane (electrical current), loo mbane awunakubonelelwa sisikolo. Makuthethwe namagunya engingqi malunga nesibonelelo esahlukeneyo sombane ngeendleko zomboneleli-nkonzo wonxibelelwano ngeeselula.
4.7 Umboneleli-nkonzo wonxibelelwano ngeeselula makazibophelele ekubeni uya kuyisusa i-cellular mast okanye i-base station, ngeendleko zakhe zingekapheli iintsuku ezingamashumi amathandathu (60) emva kokuba liphelile ithuba lemvumelwano yengqeshiso.
4.8 Ukuba uphando lunika ubungqina bokuba kwixesha elizayo ezi cellular masts okanye ii-base stations zikhupha imitha ye-radiation eyingozi kwimpilo yabantwana nakubahlali abahlala kufuphi nezi cellular masts ne-base stations, iSebe iWCED nezikolo ezichaphazelekayo azinakubekwa tyala ngazo zonke iindleko zokumangalelwa nezonyango ezimalunga noku. Ezi ndleko mazihlawulwe liGosa eliyiNtloko leSigqeba soLawulo naMalungu eQumrhu lomboneleli-nkonzo wonxibelelwano ngeeselula, o.k.t. abanini be-cellular masts ne-base stations.
4.9 Kucelwa ababoneleli-nkonzo bonxibelelwano ngeeselula abangena kwimvumelwano namabhunga olawulo bawaqwalasele amagatya 7.21 no-7.22 emvumelwano yengqeshiso (efumaneka kwiCandelo loCwangciso noLawulo lweZiseko zoPhuhliso) ajongene namaqondo e-radiation, ingxelo engawo nokubekwa kwawo esweni).

5. Iyathakazelelwa intsebenziswano yenu ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:06:23