1. Iziganeko kwizikolo eziseGauteng naseNtshona Koloni kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo zenze ukuba makukhe kunikwe ingqwalaselo kubaluleko lwemigaqo yezikolo yokuziphatha ebonisa iimfundiso zoMgaqo-siseko weRiphablikhi yaseMzantsi Afrika, ka-1996.

2. Le setyhula ikhumbuza izikolo ukuba mazihlaziye kwakhona imigaqo yazo yokuziphatha kumaxesha ngamaxesha ukuqinisekisa ukuba ziyayiphumeza injongo yayo ngokungqinela noMgaqo-siseko, lo gama ziqwalasela ingxoxo eqhubekayo malunga nekufuneka kufakwe kumgaqo wokuziphatha.

3. Le setyhula itshitshisa iSetyhula 0024/2009 ngokupheleleyo.

4. ISiqendu 8 soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, ka-1996 (uMthetho 84 ka-1996) simisela ukuba ibhunga lolawulo lesikolo sikarhulumente kufuneka sisebenzise umgaqo wokuziphatha wabafundi besikolo eso.

5. Umgaqo wokuziphatha ukhuthaza ukuziphatha ngokusesimilweni nokuziphatha kakuhle yaye umisela imigangatho yokuziphatha ngendlela eyamkelekileyo yaye kubalulekile ukuba kuthetha-thethwane kakuhle ngale migaqo, iphunyezwe ize inyanzeliswe ukuqinisekisa ukuba isikolo siyindawo enocwangco nehlonipha amalungelo abo bonke abafundi.

Umgaqo wokuziphatha ukhuthaza indawo enocwangco ukukhuthaza ukufunda nokufundisa okusemgangathweni:

  • ngokukhuthaza amalungelo nokhuseleko lwabo bonke abafundi, ootitshala nabazali;
  • ngokuqinisekisa ukuba abafundi bathatha uxanduva ngezenzo nendlela abaziphatha ngayo;
  • ngokungakhuthazi zonke iintlobo zocalulo olunomkhethe (unfair discrimination) nokunganyamezelani;
  • ngokuphelisa nya indlela yokuziphatha ephazamisayo nelulwaphulo-mthetho.
6. Xa kuqulunqwa umgaqo wokuziphatha, bonke abathathi-nxaxheba, oko kukuthi, abazali, ootitshala nabafundi, kuqukwa neBhunga eLimele aBafundi (Representative Council of Learners) (RCL) mababandakanywe. Le nkqubo mayibandakanye bonke abachaphazelekayo, ivuleleke yaye ibe sekuhleni.
6.1 Ukuba kukho ukungavisisani okanye ukuthandabuza ngokuqulethwe ngumgaqo wokuziphatha lowo, kubalulekile ukuba oku kuxoxwe malunga nako yaye kusonjululwe nabathathi-nxaxheba phambi kokuba kwamkelwe ngokusemthethweni umgaqo wokuziphatha.
6.2 Kubalulekile ngoko ke ukuba umgaqo wokuziphatha kwakhona uchaze inkqubo yokusombulula iimbambano (dispute resolution process) ebinokuvumela ukwenziwa kwezilungiso ezingephi okanye ukutshitshiswa kwaloo mgaqo wokuziphatha uchaphazelekayo.

7. Amabhunga olawulo, kuqukwa neenqununu, ayakhunjuzwa kwakhona ukuba umgaqo wokuziphatha luxwebhu olusemthethweni yaye kufuneka uqulunqwe ngokwemigqaliselo yezomthetho ngokubanzi echazwe kuMgaqo-siseko weRiphablikhi yaseMzantsi Afrika, ka-1996. Kufuneka ufezekise iimfundiso zomgaqo-siseko, imithetho-siseko yedemokhrasi nomoya okhuthaza ukuhlonitshwa kwamalungelo oluntu esikolweni.

Kucelwa iinqununu zincedise amabhunga olawulo kwimiba yezoluleko ngokweSiqendu 16A(2)(d) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, ka-1996 (uMthetho 84 ka-1996).


8. Ukuze wamkeleke umgaqo wokuziphatha wabafundi, ibhunga lolawulo malenze lingagqithisi kwimida yamagunya alo nangokwezona mfuno zingcono zesikolo nezabo bonke abafundi.
9. Le ncwadana iqhotyoshelweyo yeSebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (DBE) inenjongo yokuncedisa amabhunga olawulo okanye ukuhlaziya kwakhona umgaqo wokuziphatha wesikolo.

Kucelwa ukuba ukhululeke ukwenza izilungiso kwisikhokelo seDBE, njengoko iWCED iqhubeka ngokuphucula inkqubo yayo yokuqulunqa umgaqo wokuziphatha.


10. Ngenxa yemiba esandula ukuthethwa kutshanje, sicela zonke izikolo ziyiqaphelisise imigaqo yokuziphatha yazo kwanokuqinisekisa ukuba zihambelana mbo nemigqaliselo ebhalwe apha ngasentla.

11. Kucelwa ubhekise nayiphi imibuzo onayo kuMphathi weSekethe ochaphazelekayo.

12. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi, amalungu amabhunga olawulo nabazali ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:09:06

"South African Schools Act, 1996 (Act 84 of 1996)"  (ubukhulu: 255 KB)
"DBE code of conduct booklet"  (ubukhulu: 115 KB)