1. Le setyhula itshitshisa iiSetyhula 22/2008, 27/2009, 24/2013, 30/2013 no-25/2014.

2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liye layithathela ingqalelo impembelelo yezi setyhula zikhankanywe apha ngentla ekuphunyezweni kwezi nkqubo, ngakumbi ezikolweni, yaye emva kokuzikisa ukucinga ngendidi ezinokukhethwa liSebe, livume le nkqubo ilandelayo:
2.1 Iindawo ezikumaziko eSebe iWCED kunye/okanye ezikumaziko emfundo ephakamileyo zinokusetyenziswa ukusingatha iisemina, oomasifundisane, iiseshoni zoqeqesho, iintlanganiso zeeforam neenkomfa. Iindibano ezilolu hlobo zifuna uXwebhu lweMvumelwano (Memorandum of Agreement (MOA), oluneziqulatho zoXwebhu oluyiDrafti lwe-MOA (oluqhotyoshelwe njengesiHlomelo A), noluyimvumelwano emakungenwe kuyo ngokusayina olu xwebhu ngawo omabini amaqela achaphazelekayo phambi kokuba iqhubeke indibano ethile. Igosa leSebe iWCED elinegunya lokusayina ubuncinane malibe ngumntu okwinqanaba loMlawuli.
2.2 Iindleko nemimiselo nemiqathango esebenzayo kuwo omabini amaqela achaphazelekayo, mazicaciswe kuXwebhu lwe-MOA yaye makungabikho zintsingiselo zimbaxa kulo. Ezi ndleko zibandakanya imbuyiselo esengqiqweni yenkcitho eyongezelelweyo enokubakho ngenxa yokunyuka kweqondo lokusetyenziswa kombane, amanzi, (ukusetyenziswa kweethoyilethi), ithoyilethipheyipha kunye nazo naziphi na iifasilithi zezixhobo zesandi nemifanekiso (audiovisual facilities) ezibonelelwe liziko.
2.3 Amanye amaziko eSebe iWCED anokubatyisa abantu njengenxalenye yenkonzo efunekayo. Kwiimeko ezinje ngezi, kuya kusebenza iindleko zeziko yaye mazibhalwe kuXwebhu lwe-MOA.
2.4 Apho amaziko eSebe iWCED abonelela ngokutya, iinkcitho eqingqiweyo ngokweSikhokelo sePhondo imi ngolu hlobo lulandelayo:

Ukutya/Into eselwayo (engebubo utywala) Esona sibonelelo siphezulu saqho ngosuku (2015/16)
Isidlo sasemini R60,52
Ikofu/Iti/Idrinki (kusasa/emini/nasemva kwemini) R19,46
2.5 Esi sibonelelo saqho ngosuku sihlaziywa qho ngonyaka liSebe loMphathiswa (Department of the Premier (DotP)). Iindleko ekuvunyelwene ngazo ziya kuhlawulwa kwiziko elichaphazelekayo ngeentlawulo ezenziwa ngoomatshini (transfers payments). Iziko malingenise ibango elikwiletahedi yalo yaseburhulumenteni kunye namaxwebhu axhasayo ayimfuneko, yaye iindleko zinokubandakanya ukubonelelwa ngeenkonzo zokhuseleko (security services) ukuba kuvunyelwenwe ngazo kuXwebhu lwe-MOA. Akukho malungiselelo enzelwa iintlawulo zesidlo sakusasa nesesopholo (tariff for breakfast and supper) njengoko umphathi owenza lo msebenzi ochaphazelekayo, kuya kufuneka anike izizathu ezivokothekileyo ukulungiselela ukuvunywa koku kwinqanaba likaSekela Mlawuli-Jikelele.

3. Xa kungenzeka ukuba kungabikho fasilithi ifanelekileyo yeSebe iWCED ifumanekayo, zinokusetyenziswa iifasilithi zamanye amasebe karhulumente okanye ezo zoomasipala. Kule meko kusebenza umgqaliselo owamkelekileyo wokufumana inkonzo efunekayo kwicandelo likarhulumente yaye ikowuteshini yeendleko mayibhalwe phantsi kuXwebhu lwe-MOA. Nakuba kunjalo, ukuba azikho iifasilithi ezifanelekileyo ezifumanekayo kwiSebe iWCED, kwamanye amasebe karhulumente okanye koomasipala, kuya kusebenza iinkqubo zokuthengwa kweempahla neenkonzo zikarhulumente eziqhelekileyo zokufumana iifasilithi nezokutyiswa kwabantu abakwindibano. Kwiimeko ezinjengezi, imigaqo (parameters) iya kungqinelana nesikhokelo se-DotP se-R79,98 umntu ngamnye. Nakuba kunjalo, umphathi owenza lo msebenzi ochaphazelekayo, makaqinisekise ukuba iinzuzo zokuncitshiswa kweendleko zivele kumboneleli-nkonzo ngothetha-thethwano lokuncitshiswa kweendleko.

4. Makugcinwe irejista yabantu abakhoyo kwindibano kuzo zonke iindibano yaye abakhoyo mabayisayine le rejista ngosuku ngalunye kwendibano. Irejista esayiniweyo yabantu abakhoyo kwindibano mayingeniswe kunye namaxwebhu eentlawulo njengobungqina babantu abebekho.

5. Mazithintelwe iisemina, oomasifundisane, iiseshoni zoqeqesho, iintlanganiso zeeforam neenkomfa eziqhuba ixesha elide kunosuku olunye kangangoko kunokwenzeka kuba zibangela iindleko. Nakuba kunjalo, ukuba kunyanzelekile ukuba kwenziwe amalungiselelo okubakho kweendibano zeentsuku ezininzi, uXwebhu lwe-MOA oluyimvumelwano ekungenwe kuyo malucacise inkqubo yembuyiselo (reimbursement) ukulungiselela iinkonzo zokutyiswa kwabantu ngosuku lokuqala nolwesibini (okanye ngezoo ntsuku zilandelayo). Kubalulekile ke ngoko ukuba abaphathi baqinisekise ukuba iphunyezwa yaye ilandelwa ngokuthe mbo inkqubo yokuphendula (RSVP process). Xa kusetyenziswa iifasilithi zeSebe iWCED njengendawo yendibano, uMgaqo-nkqubo osebenzayo oyi-Policy for Air Travel, Road Transport and Accommodation for Official Purposes, uya kusebenza kwabo bameli bathe ngenxa yeemeko ezithile, kwayimfuneko ukuba balale ezihotele, nakwizindlu zeendwendwe (guest houses), njl.njl.

6. Ezi nkqubo zisebenza ukususela nge-01 Septemba 2016 yaye mazaziswe bonke abachaphazekelayo ukuze bazithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:08:31

IsiHlomelo A: "Memorandum of agreement"  (ubukhulu: 74 KB)