1. Njengoko kuchaziweyo kwiSetyhula S17 ka-2015, iSebe leMfundo esiSiseko (iDBE) liya kuprinta lize lihambise iincwadi zokwenza umsebenzi kuzo zonke izikolo zikarhulumente (eziqhelekileyo nezemfundo eneemfuno ezizodwa) eNtshona Koloni ukwenzela unyaka wekhalenda yesikolo ka-2017.

Ezi ncwadi zilandelayo ziya kusiwa ngqo ezikolweni:

  • Iincwadi zokwenza umsebenzi zeBakala R;
  • EzamaBakala 1 ukuya ku-6 zeeLwimi zeeNkobe;
  • EzamaBakala 1 ukuya ku-3 zeMathematika kulwimi lokufunda nokufundisa (LoLT);
  • EzamaBakala 4 ukuya ku-9 zeMathematika kwisiNgesi nakwiAfrikansi;
  • EzamaBakala 1 ukuya ku-6 zoLwimi lokuQala oloNgezelelweyo lwesiNgesi; kunye
  • nezamaBakala 1 ukuya ku-3 zeZakhono zoBomi kulwimi lokufunda nokufundisa (LoLT).

IVolyum 1 ka-2016 (yeKota 1 no-2) neyeBakala R ziya kusiwa kuzo zonke izikolo ungadlulanga owe-22 Septemba 2016.

IVolyum 2 ka-2016 (yeKota 3 no-4) iya kusiwa kuzo zonke izikolo ungadlulanga owe-02 Disemba 2016.

2. NgoMatshi 2016 kwakucelwe iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) ukuba linike iDBE amanani abafundi aqikelelweyo eencwadi zokwenza umsebenzi eziza kuprintwa zisiwe ukwenza u-2017. Amanani abafundi anikwa iDBE asuselwa kwingcaciso yeCEMIS efanelekileyo eyayifumaneka ngelo xesha.
3. Inani leencwadi zokwenza umsebenzi eziza kusiwa kwisikolo ngasinye ziyangqinelana namanani abafundi anikwa iDBE yiWCED. Inani leencwadi zokwenza umsebenzi ngebakala ngalinye izikolo ezinokulindela liziswe yiDBE, linokujongwa kwikhasi lewebhu le-LTSM (CAPS textbooks) kwikhasi leziko lewebhu leWCED (Idilesi yeziko lewebhu yile: http://wcedonline.pgwc.gov.za/branchPS/LTSM/index.html
4. Uxwebhu olusisikhokelo olucacisa inkqubo yaphambi nangethuba lokusiwa kweencwadi zokwenza umsebenzi ezikolweni luqhotyoshelwe apha njengesiHlomelo A.
5. Zakuba zizisiwe iincwadi zokwenza umsebenzi ngumboneleli-nkonzo weDBE, kulindeleke ukuba izikolo zithelekise inani leencwadi zokwenza umsebenzi ezizisiweyo namanani anikwe kweli ziko lewebhu likhankanywe apha ngentla. Naziphi iincwadi ezizisiweyo zolwimi olungachanekanga okanye ezishotayo mazixelwe kuxwebhu olububungqina bokusiwa kwazo (proof of delivery) (POD) yaye oko makwaziswe umboneleli-nkonzo obezise iincwadi zokwenza umsebenzi egameni leDBE.
6. I-DBE ifaka ii-POD zesikolo ngasinye kweli ziko lewebhu: http://www.schoolmaster.org.za yaye kukhuthazwa izikolo nezithili zingene kweli ziko lewebhu ukungqinisisa iinkcukacha ezimalunga nokuziswa kweencwadi. Inombolo ye-EMIS yesikolo inokusetyenziselwa ukuloga kwiziko lewebhu.
7. Ngo-Oktobha 2016, zonke izikolo ekusiwe kuzo iincwadi zokwenza umsebenzi ziya kucelwa ukuba zingene kwi-CEMIS ukufaka amanani abafundi aqikelelweyo ango-2017 nenani ngqo leencwadi zokwenza umsebenzi ngesifundo ngasinye nangebakala ngalinye ezifunyenwe kwiDBE. Ngethuba lokwenzeka kwale nkqubo, iincwadi zokwenza umsebenzi ezishotayo okanye ezingaphaya kwenani ziya kuqwalaselwa kuze kuxelelwe izithili malunga noko. Le ngxelo iya kufumaneka ku-EduInfoSearch.
8. Amagosa ezithili achaphazelekayo aya kuba noxanduva lokuququzelela ukusiwa kweencwadi zokwenza umsebenzi eziqatshelwe njengezishotayo.
9. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:08:01

IsiHlomelo A: Isikhokelo sokufunyanwa kweencwadi zokwenza umsebenzi zamaBakala R ukuya ku-9 kunyaka wesikolo ka-2017  (ubukhulu: 68 KB)
IsiHlomelo B: "Workbook recording template - 2017 workbooks delivery"  (ubukhulu: 94 KB)