Njengoko kuchaziweyo kwiSetyhula S17 ka-2015, iSebe leMfundo esiSiseko (iDBE) liya kuprinta lize lihambise iincwadi zokwenza umsebenzi kuzo zonke izikolo zikarhulumente (eziqhelekileyo nezemfundo eneemfuno ezizodwa) eNtshona Koloni ukwenzela unyaka wekhalenda yesikolo ka-2017.
Ezi ncwadi zilandelayo ziya kusiwa ngqo ezikolweni:
- Iincwadi zokwenza umsebenzi zeBakala R;
- EzamaBakala 1 ukuya ku-6 zeeLwimi zeeNkobe;
- EzamaBakala 1 ukuya ku-3 zeMathematika kulwimi lokufunda nokufundisa (LoLT);
- EzamaBakala 4 ukuya ku-9 zeMathematika kwisiNgesi nakwiAfrikansi;
- EzamaBakala 1 ukuya ku-6 zoLwimi lokuQala oloNgezelelweyo lwesiNgesi; kunye
- nezamaBakala 1 ukuya ku-3 zeZakhono zoBomi kulwimi lokufunda nokufundisa (LoLT).
IVolyum 1 ka-2016 (yeKota 1 no-2) neyeBakala R ziya kusiwa kuzo zonke izikolo ungadlulanga owe-22 Septemba 2016.
IVolyum 2 ka-2016 (yeKota 3 no-4) iya kusiwa kuzo zonke izikolo ungadlulanga owe-02 Disemba 2016.
|