1. Intshayelelo
1.1 Le setyhula ithatha indawo yeNgcaciso eMfutshane yeCandelo loViwo 0025/2013, eyayichazela izikolo malunga nendlela yokulawulwa kotshintsho kwizifundo kumaBakala 10, 11 nele-12.
1.2 Le setyhula yazisa umgaqo-nkqubo wokutshintshwa kwezifundo njengoko kupapashiweyo kwi-Regulations Pertaining to the National Curriculum Statement Grades R-12, njengoko ufakelwe izilungiso kwiGazethi kaRhulumente, No. 39435 ye-20 Novemba 2015.
1.3 ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) lizimisele ukuqinisekisa ukuba kuhanjelwane mbo nomgaqo-nkqubo wokutshintshwa kwezifundo oya kuqaliswa ngoDisemba 2016.
1.4 Umgaqo-nkqubo wovavanyo wesikolo mawucacise gca inkqubo yalo naluphi na utshintsho lwezifundo olwenziwa esikolweni.
1.5 Iinqununu maziqinisekise ukuba bonke abafundi beBakala 10, 11 nele-12 babhaliswe ngokuchanekileyo kwizifundo abazibhalayo nokuba iinkcukacha zabo zifakiwe ekhompyutheni kwi-Central Education Management Information System (CEMIS) ekuqaleni konyaka ngamnye.

2. Utshintsho lwezifundo kwiBakala 10
2.1 Umfundi uvumelekile ukutshintsha izifundo ezibini ubuninzi kwiBakala 10.
2.2 Umhla wokuvala wezicelo ezisuka kubazali eziya ezikolweni ezimalunga nokutshintshwa kwezifundo yi-30 Juni, kwaye izikolo mazilwenze utshintsho kwizifundo kwi-CEMIS ungadlulanga owe-31 Julayi kunyaka abakwiBakala le-10 ngawo.

3. Utshintsho lwezifundo kwiBakala 11
3.1 Umfundi unako ukutshintsha izifundo ezibini ubuninzi kwiBakala 11.
3.2 Umhla wokuvala wezicelo ezisuka kubazali eziya ezikolweni zokutshintshwa kwezifundo yi-31 Matshi, kwaye izikolo mazilwenze utshintsho kwizifundo kwi-CEMIS ungadlulanga owe-30 Apreli kunyaka abakwiBakala le-11 ngawo.
3.3 Kwiimeko ezinxaxhileyo (exceptional cases), umfundi angatshintsha isifundo esongezelelweyo kwiBakala 11, emva kokukhutshwa kweziphumo zakhe zeBakala 11 zokuphela konyaka. Olu tshintsho lwezifundo malwenziwe phambi kwe-15 Disemba kunyaka weBakala 11. Ngenxa yokuba izikolo zivala ngowe-09 Disemba 2016, zonke izicelo zotshintsho lwezifundo mazifunyanwe ungadlulanga owe-09 Disemba 2016 ukwenzela ukuba zifakwe kwi-CEMIS ungadlulanga owe-20 Januwari 2017.

4. Utshintsho lwezifundo kwiBakala 12

Akukho lutshintsho lwezifundo luya kuvumeleka kunyaka weBakala 12 ukususela ngo-2017 ukubheka phambili.

5. Ukulawulwa kotshintsho lwezifundo kumaBakala 10 ukuya kwele-11
5.1 Kubalulekile kakhulu ukuba baqatshelwe kwangethuba abafundi bamaBakala 10 no-11 ngokumalunga notshintsho lwezifundo. Ootitshala bezifundo mababaqaphele abafundi abasemngciphekweni wotshintsho lwezifundo yaye mababazise abazali ngencwadi ebhaliweyo.
5.2 Umzali/umgcini (guardian) makenze isicelo sokutshintshwa kwezifundo ngokubhalela kwinqununu echaphazelekayo.
5.3 Inqununu iya kuthetha-thethana nomfundi, nomzali/nomgcini kunye notitshala wesifundo, kwaye mabafikelele kwimvumelwano malunga nokuba ingaba kofezekiswa ezona mfuno zizizo zomfundi ukutshintsha isifundo.
5.4 Emva kokuthetha-thethana ngokukuko nasemva kwemvumelwano ekufikelelwe kuyo, inqununu, umzali kunye notitshala nekufuneka ukuba basayine imemorandam yemvumelwano (memorandum of agreement) (isiHlomelo A), esichaza ukuba kwenziwa utshintsho lwesifundo ngenjongo yokufezekisa ezona mfuno zizizo zomfundi.
5.5 Umlawuli we-CEMIS wesikolo makagcine ikopi yesiHlomelo A nawo onke amaxwebhu ngenjongo yokuwaphonononga.
5.6 Lonke utshintsho lwezifundo lwamaBakala 10 ukuya kwele-11 luya kuvunywa yinqununu luze lufakwe ekhompyutheni kwi-CEMIS.
5.7 Amagosa esithili nawakwandlunkulu aya kubeka esweni ezi zicelo zotshintsho lwezifundo.
5.8 IWCED ayisayi kulwamkela utshintsho lwezifundo olwenziwe emva kwexesha okanye ivumele utshintsho lwezifundo kwiishedyuli zokuqala (preliminary schedules) zeBakala 12.
5.9 Kukhunjuzwa iinqununu ukuba iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke sisiqinisekiso semfundo seminyaka emithathu, kwaye isifundo ngasinye masenziwe kumaBakala 10, 11 nele-12. Akuvumelekanga ukuba abenzi-sicelo sokutshintshwa kwezifundo benze isicelo soko ekuqaleni konyaka weBakala 12 ukubhalisela isifundo esongezelelweyo.
5.10 Kukhunjuzwa izikolo ukuba idatha yobhaliso ye-CEMIS isetyenziselwa ukubhalisa abenzi-sicelo beBakala 12 kwi-Integrated Examination Computer System (IECS). Le datha isetyenziselwa ukuprinta iishedyuli zokuqala (preliminary schedules).

6 Kucelwa iinqununu namagosa ezithili azise okukule setyhula bonke ootitshala, abazali kunye nabafundi, ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:07:30

IsiHlomelo A: "Memorandum of Agreement"  (ubukhulu: 54 KB)