1. Le setyhula mayifundwe kunye neSetyhula 0016 yomhla we-13 Apreli 2016.
2. Ukususela ngowe-01 ukuya kowe-05 Agasti 2016, izikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21 ziya kunikwa ithuba lokugqibela loku-odola izinto zokubhala nezokucoca oko kusenziwa ngekhompyutha ukwenzela ukusetyenziswa kwazo ngo-2017.
3. Isikhokelo siya kunikwa kwiCEMIS ukucacisa ngendlela yokufaka ekhompyutheni yaye kusayinelwe iimfuno zezinto zokubhala nezinto zokucoca ezongezelelweyo.
4. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) liya kufaka ii-odolo zezinto zokubhala nezokucoca ezifunwayo egameni lezikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21 kubathengisi abakwimvumelwano (contracted suppliers), njengoko kuchaziweyo kwiSetyhula 0005/2015.
5. Izikolo zingafaka ekhompyutheni kuphela i-odolo yezo zinto zidweliswe kwiikhathalogu zezinto zokubhala nezokucoca (eziqhotyoshelwe apha).
6. Kucelwa uqaphele ukuba imvumelwano yezinto zokubhala ayenzi sibonelelo sokuthengwa nokusiwa kwephepha lokufotokopa neekhatriji zeprinta. Ezi zinto, kwakunye nezinye izinto ezingadweliswanga kwiikhathalogu zezinto zokubhala nezokucoca, ziya kuthengwa ngokwahlukeneyo ngeekoteshini ezicelwa ngokuqala kugqithwe kwi-Integrated Procurement Solution (IPS).

Izikolo mazingenise iirikhwizishini (WCED 026 form) ngokumalunga noku kwi-ofisi yeLTSM ungadlulanga umhla we-05 Agasti 2016 ukuqinisekisa ukusiwa kwazo ngexesha.

7. Ziya kucelwa izikolo zisebenzise iimali zezabelo zazo zeMimiselo neMigangatho (norms and standards) (N&S) yee-local purchases ukuhlawulela zonke iimfuno zazo zezinto zokubhala nezokucoca. Kubaluleke gqitha ke ngoko ukuba izikolo zicwangcise ngobulumko kwizigqibo zazo ezimalunga nokulawulwa kweemali zezabelo zeN&S, ukuqinisekisa ukubakho kwemali eyanaleyo ejongene neemfuno. Izikolo ziya kuncediswa malunga noko kungqinisiswa kwee-odolo namaxabiso azo aya kuthunyelwa ezikolweni lo gama ii-odolo zisetyenzwayo (processed).
8. Kucelwa wazise okukule setyhula onke amagosa achaphazelekayo ukuze akuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:07:08

"WCED Stationery Catalogue - Masiqhame Trading"  (ubukhulu: 80 KB)
"WCED Cleaning Catalogue - RC suppliers"  (ubukhulu: 68 KB)
"Cape Winelands - WCED Cleaning Materials Catalogues - Amanthi Traders"  (ubukhulu: 92 KB)
"Overberg - WCED Cleaning Materials Catalogues - Amanthi Traders"  (ubukhulu: 92 KB)
"West Coast - WCED Cleaning Materials Catalogues - Amanthi Traders"  (ubukhulu: 90 KB)
"Eden Central Karoo - WCED Cleaning Materials Catalogues - Amanthi Traders"  (ubukhulu: 92 KB)