1. Lo gama iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) liliqonda ilungelo labaqeshwa balo lokuqhubeka ngemisebenzi yabo yezopolitiko, ngokomgaqo-siseko welizwe lethu, eli sebe likwazimisele ekuqinisekiseni ilungelo labafundi lokufumana indawo ekhuselekileyo nezinzileyo yokufunda.
2. Mayiphinde icaciswe kwakhona eyokuba abaqeshwa beWCED akuvumelekile ukuba basebenzise ixesha laseburhulumenteni kunye/okanye iindawo zikarhulumente ukugaya okanye ukuqhubela phambili iimfuno zombutho wezopolitiko.
3. Kucelwa iintloko zamaziko emfundo nabalawuli bezithili zemfundo kwakhona banike ingqwalaselo iimfuno ezingokwenziwa komsebenzi wamaziko abo phambi kokuba kunikwe imvume izicelo zokuthatha ikhefu kubaqeshwa abafuna ukuthatha inxaxheba ekuqeqeshweni yiKomishoni yoNyulo eZimeleyo (Independent Electoral Commission (IEC)) kunye nokwenza imisebenzi ethile kwizikhululo zovoto. Abaqeshwa beWCED abanqwenela ukuncedisa i-IEC ngethuba lonyulo lukamasipala oluzayo mabenze isicelo semvume yokwenza umsebenzi ohlawulelwa umvuzo ngaphandle kwenkonzo karhulumente (remunerated work outside the public service) (RWOPS) ungadlulanga owe-22 Julayi 2016 baze bangenise izicelo zabo kwi-ofisi yesithili okanye kumlawuli kwaNdlunkulu. Abenzi-sicelo baya kwaziswa ungadlulanga owe-29 Julayi 2016 ukuba ingaba isicelo se-RWOPS sibe yimpumelelo na. Kuphela ngabaqeshwa abanezicelo zabo zeRWOPS ezivunyiweyo abaya kufaneleka ukuba bancedise i-IEC ngethuba lonyulo lukamasipala.
4. Umgaqo-sikhokelo wezomthetho, imimiselo yomgaqo-nkqubo kunye nemiqathango elawula ubandakanyeko lwabaqeshwa beWCED kunyulo loomasipala icaciswe gca kwezi zihlomelo ziqhotyoshelweyo:

IsiHlomelo A1 – UNyulo looMasipala (Ngokungesosigxina)
IsiHlomelo A2 – UNyulo looMasipala (Ngokusisigxina)

5. Kucelwa iintloko zamaziko emfundo nabalawuli bezithili zemfundo baqinisekise ukuba okukule setyhula nakwizihlomelo zayo kwaziswa bonke abaqeshwa ukuze bakuthathele ingqalelo. Wonke umqeshwa makasayine uxwebhu njengobungqina bokuba uyakwazi okukule setyhula yaye makazalise amaxwebhu e-RWOPS ayimfuneko (isiHlomelo B) emalunga nokuhlawulwa umvuzo othe kratya aya kuba ewenza ngaphandle kwenkonzo karhulumente.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:07:14

IsiHlomelo A1: "Local Elections (Full-time)"  (ubukhulu: 43 KB)
IsiHlomelo A2: "Local Elections (Part-time)"  (ubukhulu: 20 KB)
IsiHlomelo B: "Application to perform remunerated work outside the public service (RWOPS)"  (ubukhulu: 34 KB)