1. |
Izikolo eNtshona Koloni zilindeleke ukuba zinike umfundi obhalisiweyo ngamnye incwadi yesifundo kwisifundo ngasinye. |
2. |
Ukwenzela ukuqinisekisa ukuba bonke abafundi kwisikolo ngasinye banazo iincwadi zezifundo kwisifundo ngasinye ngo-2017, ziyacelwa iinqununu ukuba: |
2.1 |
ziqinisekise amanani obhaliso abafundi aqikelelweyo ngokwebakala ngalinye ka-2017; |
2.2 |
ziqikelele inani labafundi abaya kuba bengaphezulu ekuqaleni kuka-2017 ngokumalunga nendlela abaqhele ukubhalisa ngayo kwiminyaka esandula ukudlula ; kunye |
2.3 |
nokuqaphela ukuba zibuyiswa ngomlinganiselo ongakanani iincwadi zezifundo ngabafundi (textbook retention rate) ekupheleni konyaka kuyo le minyaka isandula ukudlula. |
3. |
Le ngcaciso ikumhlathi 2 mayisetyenziselwe ukunika ulwazi malunga noku-odolwa kweencwadi zezifundo zokongezelela (textbook top-up orders) zika-2017. |
4. |
Kuya kunikwa izikolo ithuba libe linye kuphela ngo-2016, phakathi kwe-30 Meyi ne-10 Juni, loku-odola iincwadi zezifundo zazo zokongezelela zisebenzisa ifasilithi yasekhompyutheni ekubonelelwe ngayo liSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED). Oku kuthetha ukuba izikolo mazibekele bucala ixesha lokulungiselela iimfuno zazo zokongezelela iincwadi zezifundo zika-2017 ngobunono, zinika ingqwalaselo kuyo imigqaliselo echazwe kumhlathi 2. |
5. |
Iimali zemimiselo nemigangatho yolwabiwo-mali lwezinto zokuncedisa ukufunda nokufundisa (the norms and standards LTSM funds) (ii-LTSM) zezikolo ziya kusetyenziselwa ukuhlawulela iincwadi zezifundo zokongezelela nezamanani okwanda kwabafundi (top-up and learner growth textbooks) ngoJanuwari 2017. |
6. |
Ukuba izikolo azinalo ulwabiwo-mali olwaneleyo olufumanekayo lwemimiselo nemigangatho ukuhlawula iincwadi zezifundo zokongezelela nezokwanda kwamanani abafundi ngee-odolo ezenziwa ngekhompyutha, makufakwe isicelo kwiWCED sokufuna uncedo lwezemali. Isicelo eso masizaliswe kwithemplethi eqhotyoshelweyo, yaye masichaze nesizathu sokucela uncedo lwezemali. Le themplethi mayisayinwe yinqununu yesikolo iskenwe ize ithunyelwe nge-imeyili ku-: aletta.knipe@westerncape.gov.za ungadlulanga owe-24 Juni 2016. |
7. |
Kukhuthazwa izikolo ukuba ziwenze ziwagqibe amalungiselelo azo ngaphambi kokuba lifike ixesha lokufaka ii-odolo ngekhompyutha yaye ziqalise ngokufaka kwikhompyutha iimfuno zazo zeencwadi zezifundo zokongezelela ezifunekayo ukuqalela ngosuku ekuvulwa ngalo isistim yekhompyutha (online system) nge-30 Meyi 2016. |
8. |
Xa kungenwa kwi-CEMIS, khetha u-"Administration" kwi-menu bar uze ukhethe u-"CAPS textbook top-up" kwi-drop down list. Imenyu i-sub-menu iya kuvela ize yona ikuse kwi-capture screen, naku-"How to guide". Kukhuthazwa izikolo zikufunde okubhalwe ku-"How to guide" phambi kokuba zifake ekhompyutheni ii-top-up textbook orders. |
9. |
Kucelwa ukuba ufunde i-welcome note ne-guide kwi-CEMIS ukuqiniseka ukuba ngubani emakuqhagamshelwane naye ukuba kukho iingxaki ezithi zibekho ekufakeni ii-odolo zeencwadi zezifundo zokongezelela ii-top-up textbook orders. |
10. |
Yakuba ingqinisisiwe i-odolo kwikhompyutha yaza yasayinwa yinqununu, isikolo masiprinte ikopi eliphepha ye-odolo engqinisisiweyo (verified order), siyitshekishe ukuba ichanekile na yaye siyigcine kwiirekhodi zesikolo. |
11. |
Kucelwa wazise okukule kule setyhula bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:05:11
|
 |