1. Le setyhula iyitshitshisa ngokupheleleyo iSetyhula 0046/2003 neSetyhula 0002/2004.
2. UMphathiswa wePhondo ophathiswe ezemfundo eNtshona Koloni, esenza ngokwemiqathango ye-Tobacco Product Control Act, 1993 (Act 83 of 1993), ubhengeze lo Mgaqo-nkqubo wezoKutshaya weSebe leMfundo leNtshona Koloni, 2015.
3. Kufakelwe izilungiso kumthetho omalunga nokutshaya kwiindawo zikawonke-wonke, ukususela ekubeni kwakuvunywe uMgaqo-nkqubo oThintela ukuTshaya woLawulo lwePhondo leNtshona Koloni, zavunywa ngo-2002. Kuye kwaqulunqwa ke ngoko uMgaqo-nkqubo wezoKutshaya omtsha weSebe leMfundo leNtshona Koloni, 2015. UMgaqo-nkqubo wezoKutshaya weSebe leMfundo leNtshona Koloni, 2015 uqulethe eminye imiqathango yoMgaqo-nkqubo oThintela ukuTshaya woLawulo lwePhondo leNtshona Koloni, owapapashwa ngo-2002, kwakunye nengcaciso ethile yezilungiso ezifakelwe kwi-Tobacco Product Control Act, 1993 (Act 83 of 1993).
4. Umhlathi 4.1 woMgaqo-nkqubo oThintela ukuTshaya woLawulo lwePhondo leNtshona Koloni ucacisa ukuba ukutshaya iimveliso zecuba kuthintelekile kuzo zonke iindawo ezisemsebenzini zoLawulo lwePhondo leNtshona Koloni. Lo mqathango ubandakanya amaziko emfundo.
5. Zonke iindawo ezisemsebenzini eziphantsi kolawulo lweSebe leMfundo leNtshona Koloni zibhengezwa ngoko ke njengeendawo ekungatshaywayo kuzo, ngokomhlathi 5.1(a) woMgaqo wezoKutshaya weSebe leMfundo leNtshona Koloni, 2015. Izaziso neesayini ezingumqondiso (notices and signs) ezibonisa iindawo apho ukutshaya kungavumelekanga khona, maziboniswe ngokubekwa kwindawo ecacileyo nesekuhleni yaye mazibe nesi silumkiso silandelayo: "NABANI NA ONGAWUTHOBELIYO LO MQATHANGO UKWESI SAZISO UYA KUTSHUTSHISWA.".
6. Lindawo ezithile apha ngaphakathi emsebenzini zinokubhengezwa njengeendawo ekutshayelwa kuzo, ngokomhlathi 5.1(b) walo mgaqo-nkqubo. Ukuchongwa kweendawo ezilolu hlobo apha emsebenzini makungqinelane nemiqathango yoMgaqo-nkqubo wezoKutshaya weSebe leMfundo leNtshona Koloni, 2015, nezaziso neesayini ezibonisa iindawo apho ukutshaya kuvumelekileyo, mazicaciswe kakuhle.
7. Ukuphunyezwa kwalo mgaqo-nkqubo kuya kubekwa esweni liCandelo eliyiNtloko leZithili lisebenzisana nabameli okanye neekomiti zezempilo nezokhuseleko zakwaNdlunkulu, kwii-ofisi zezithili, kumaziko emfundo nakwizikolo zikarhulumente, abo baqeshwe ngokwesiqendu 17 no-19 ze-Occupational Health and Safety Act, 1993 (Act 85 of 1993).
8. Kubalulekile ukuqaphela ukuba lo Mgaqo-nkqubo wezoKutshaya weSebe leMfundo leNtshona Koloni, 2015, awuyithathi indawo yoMgaqo-nkqubo oThintela ukuTshaya woLawulo lwePhondo leNtshona Koloni, kodwa mawufundwe kunye nawo.
9. Lo mgaqo-nkqubo usebenza ukususela ngoku yaye kucelwa aBalawuli abaziiNtloko, aBalawuli kwaNdlunkulu, ii-ofisi zezithili, iintloko zamaziko emfundo neenqununu zezikolo zikarhulumente, bazise ngokuqulethwe yile setyhula kubo bonke ootitshala nabasebenzi, amalungu amabhunga olawulo nabahlali besikolo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:01:13

UMGAQO-NKQUBO WOKUTSHAYA WESEBE LEMFUNDO LENTSHONA KOLONI, 2015  (ubukhulu: 77 KB)
"Western Cape Provincial Administration Smoking Policy"  (ubukhulu: 31 KB)