1. Ngomhla we-02 Meyi 2013 kwaziswa abasebenzi abasezi-ofisini abasebenza ngeeyure zomsebenzi zesiqhelo ukuba kuvunyiwe ukwahlukaniswa kweeyure zomsebenzi ngeSetyhula 0017/2013.
2. Ngenxa yemingeni ethe yakho kungokunje eGrand Central Towers, ngokubhekiselele kumba wokusebenza kweelifti, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (ISebe iWCED) likuthathele ingqalelo ukwamkelwa kwalo mgaqo-nkqubo ngokumalunga namakhefu elantshi ahlukanisiweyo emva kokuthethana nabo bonke abathathinxaxheba abachaphazelekayo. Eli phulo liya kuncedisa ekunciphiseni ukuhambahamba kwabasebenzi okubangela ingxinano apha ngaphakathi kwiSakhiwo iGrand Central Towers Building.
3. Ukulungiselela ukusebenza kakuhle kwale nkqubo, amakhefu elantshi ahlukanisiweyo aya kuqaliswa ukususela nge-03 Meyi 2016 ngolu hlobo lulandelayo:

Abaqeshwa Amakhefu elantshi
Abakumgangatho we-10 ukuya kowe-11 12:00 – 12:30
Abakumgangatho we-8 ukuya kowe-9 12:30 – 13:00
Abakumgangatho we-2 ukuya kowe-7 13:00 – 13:30
4. Bayacelwa abasebenzi abakwimigangatho echaphazelekayo baqinisekise ukuba bayilandela nqo injongo yala makhefu elantshi ahlukanisiweyo, ukwenzela ukuba kubekho iziphumo ezisebenzayo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:03:23