1. |
Ngomhla we-02 Meyi 2013 kwaziswa abasebenzi abasezi-ofisini abasebenza ngeeyure zomsebenzi zesiqhelo ukuba kuvunyiwe ukwahlukaniswa kweeyure zomsebenzi ngeSetyhula 0017/2013. |
2. |
Ngenxa yemingeni ethe yakho kungokunje eGrand Central Towers, ngokubhekiselele kumba wokusebenza kweelifti, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (ISebe iWCED) likuthathele ingqalelo ukwamkelwa kwalo mgaqo-nkqubo ngokumalunga namakhefu elantshi ahlukanisiweyo emva kokuthethana nabo bonke abathathinxaxheba abachaphazelekayo. Eli phulo liya kuncedisa ekunciphiseni ukuhambahamba kwabasebenzi okubangela ingxinano apha ngaphakathi kwiSakhiwo iGrand Central Towers Building. |
3. |
Ukulungiselela ukusebenza kakuhle kwale nkqubo, amakhefu elantshi ahlukanisiweyo aya kuqaliswa ukususela nge-03 Meyi 2016 ngolu hlobo lulandelayo:
Abaqeshwa |
Amakhefu elantshi |
Abakumgangatho we-10 ukuya kowe-11 |
12:00 – 12:30 |
Abakumgangatho we-8 ukuya kowe-9 |
12:30 – 13:00 |
Abakumgangatho we-2 ukuya kowe-7 |
13:00 – 13:30 |
|
4. |
Bayacelwa abasebenzi abakwimigangatho echaphazelekayo baqinisekise ukuba bayilandela nqo injongo yala makhefu elantshi ahlukanisiweyo, ukwenzela ukuba kubekho iziphumo ezisebenzayo. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:03:23
|
|