1. |
Kucelwa niqaphele ukuba le setyhula isebenza kuphela kwizikolo eziphantsi kwesiqendu 21. |
2. |
Zazazisiwe izikolo eziphantsi kwesiqendu 21 kwiSetyhula 0004/2015, ngeemvumelwano ezimbini ezahlukeneyo ekungenwe kuzo liSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) nangeenkqubo zoku-odola emazilandelwe ngokwezi mvumelwano zikhankanyiweyo. |
3. |
Kwaziswa iinqununu apha ngethuba langoMeyi nango-Agasti 2016 lezikolo zesiqendu 21 loku-odola izinto zokubhala nezinto zokucoca ngokuzi-odola ngqo kubabonelelinkonzo abanemvumelwano neSebe iWCED ukwenzela ukuba zisetyenziswe ngo-2017. |
4. |
Iinzuzo ezinokufunyanwa kule nkqubo yoku-odola kwaba baboneleli-nkonzo zibandakanya: amaxabiso aphantsi noko nge-ayithem nganye, kwakunye nokusiwa kwazo ezikolweni. |
5. |
Kuyimfuneko ukuba kufakwe i-odolo epheleleyo ukulungiselela unyaka wesikolo ka-2017 kubo ngqo aboneleli-nkonzo ngo-Meyi 2016 ukuqinisekisa ukuba izinto zokubhala nezinto zokucoca zisiwa kwangaphambi kokuqala konyaka wesikolo omtsha. Iintlawulo zezinto zokubhala nezinto zokucoca ezifunyenweyo mazihlawule zonke kulo mboneleli-nkonzo uchaphazelekayo. |
6. |
Ziya kunikwa ithuba izikolo eziphantsi kwesiqendu 21, lokufaka ii-odolo zokongezelela ngo-Agasti 2016, ukuba ninganolwazi lokuba kukho imfuno yokuthenga izinto zokubhala nezinto zokucoca ezongezelelweyo emazisetyenziswe ngo-2017. |
7. |
Ii-odolo zezinto zokubhala zezikolo kuzo zonke izithili zemfundo mazifakwe ngqo kulo mboneleli-nkonzo ulandelayo ungene kwimvumelwano neSebe iWCED:
|
Masiqhame Trading 1057 CC 30 Blinkwater Crescent Edgemead 7441 Inombolo yefoni: 021 558 9947 Umntu emakuqhagamshelwane naye: Mnu G Daniels |
|
8. |
Ii-odolo zezinto zokucoca ziya kufakwa kubaboneleli-nkonzo ababini abahlukeneyo abangene kwimvumelwano neSebe iWCED.
|
8.1 |
Kwizikolo ezikwizithili zemfundo zeedolophu (metropole education districts), ii-odolo zezinto zokucoca mazifakwe ngqo kulo mboneleli-nkonzo ulandelayo:
|
RC Suppliers 14 Klaver Street Sybrand Park Rondebosch 7700 Inombolo yefoni: 021 696 9361 Umntu emakuqhagamshelwane naye: Nks R Blankenaar |
|
8.2 |
Kwizikolo ezikwizithili zemfundo zasemaphandleni (rural education districts) ii-odolo zezinto zokucoca ziya kufakwa ngqo kulo mboneleli-nkonzo ulandelayo:
|
Amanthi Traders CC 2 Nice Street Uitzicht 7550 Inombolo yefoni : 021 976 7938 Umntu emakuqhagamshelwane naye : Nks M Gouveia Ferreira |
|
9. |
Kuqhotyoshelwe apha iikhatalogu ezinee-ayithem zezinto zokubhala nezinto zokucoca nexabiso le-ayithem nganye. Kucelwa uqinisekise ukuba usebenzisa iikhatalogu ezifaneleke kwisithili sakho semfundo kuphela. Amaxabiso anikiweyo abandakanya ukusiwa kwezi zinto esikolweni sakho. |
10. |
Kubaluleke gqitha kwizikolo ukuba zenze izicwangciso ngobulumko ekumiseleni ukuba iimali zezabelo zemimiselo nemigangatho zazo nezinye iimali zilawulwa ngendlela yokuba zihlangabezane nazo zonke iimfuno ezingummiselo zabafundi nezesikolo. |
11. |
Kucelwa wazise ngokuqulethwe yile setyhula kuwo onke amagosa achaphazelekayo ukuze akuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:04:13
|
|