1. |
Le setyhula ikhumbuza iinqununu, ootitshala namagosa ezithili ngenkqubo yokufakwa kwesishwankathelo seNdlela esiQhuba ngayo eZifundweni isikolo ngeKota (school’s Term Performance) nokuzaliswa kwedatha yokulandelela indlela umfundi ngamnye aqhuba ngayo kwizifundo kwiCEMIS yangoMatshi, ngoJuni, ngoSeptemba nangoDisemba 2016 kwizikolo zikarhulumente eNtshona Koloni. |
2. |
Kufuneka izikolo namagosa zazi ukuba baqhuba njani na abafundi kwizifundo kwibakala ngalinye qho ngekota ukwenzela ukuba zikulandelele ukuqhuba kwabo kwizifundo zikuthelekisa neethagethi ezimiselweyo, zibe nako nokuqaphela abafundi abanokuba semngciphekweni zize zenze izicwangciso zongenelelo ngoncedo ezifanelekileyo. |
3. |
Ziyacelwa izikolo ukuba zifake kwiCEMIS iNdlela eziQhuba ngayo eZifundweni izikolo kwikota nganye (isishwankathelo samaBakala 1 - 12) ingadlulanga le mihla ilandelayo:
IKOTA YESIKOLO |
UMHLA |
1 |
ULwesihlanu we-08 Apreli 2016 |
2 |
ULwesihlanu we-22 Julayi 2016 |
3 |
UMvulo we-24 Oktobha 2016 |
4 |
ULwesine we-15 Disemba 2016 (AmaBakala 1-11 kuphela) |
|
4. |
Ukufikelela kwi-capture screen ye-"Term Performance kwi-CEMIS yiya:
- kwi-"Exams/Assessments" tab;
- khetha u"Term Performance" kwi-drop down menu;
- khetha ibakala elifanelekileyo;
- ukhethe i-"Term";
- faka iziphumo kumacandelo afunekayo (required fields); yaye
- wakugqiba, klikha kwi-submit button, ngaloo ndlela ziya kuseyiveka iziphumo.
|
5. |
Ukulandelelwa kwendlela umfundi ngamnye aqhuba ngayo ngekota kwiCEMIS. |
5.1 |
Bayakhunjuzwa abasebenzisi beCEMIS ukuba bayizalise idatha yendlela umfundi ngamnye aqhuba ngayo kwizifundo ngekota neya kubonelela ngesalathi esingundoqo (basic indicator) sokuba abafundi bazifezekisile na iimfuno ezimiselweyo zokudlulela kwelinye ibakala (progression requirements) okanye akunjalo. |
5.2 |
Kucelwa uqaphela ukuba isethingi i-default setting yomfundi ngamnye isetelwe ukubonisa ukuba umfundi uzifezekisile iimfuno ezimiselweyo zokudlulela kwelinye ibakala nezokupasa. |
5.3 |
Umlawuli ke ngoko kufuneka atshintshe kuphela imo (status) yabafundi:
|
5.3.1 |
abangakhange bazifezekise iimfuno ezimiselweyo zokupasa; okanye |
5.3.1 |
ababhalisiweyo kodwa abangakhange bavavanywe |
6. |
Kukwafakwe nesalathi ngokunjalo ukuncedisa izikolo namagosa abalandelele abafundi abadluliselwe kwibakala elilandelayo ngenxa yenani leminyaka abayichithe kwisigaba. |
7. |
Ukufikelela kwiskrini i-Per Learner Term Performance capture screen kwi-CEMIS yiya:
- „h Kwi-"Exams/Assessments" tab;
- khetha u-"Term Performance" kwi-drop down menu;
- khetha u-"Per learner Term performance";
- khetha u-"Capture Grade";
- utshintshe imo (status) yabafundi njengoko ichaziwe kumhlathi 6 apha ngentla; uze
- wakugqiba, klikha kwiqhosha u-update button yaye iziphumo ziya kuseyiveka.
|
8. |
Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise ngokuqulethwe yile setyhula kubo bonke ootitshala |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:03:31
|
|