1. Fumana kuqhotyoshelwe apha uluhlu lweesetyhula ezikhutshwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) ngo-2015.
2. Iisetyhula zeWCED zithunyelwa nge-imeyili. Ukuba ezi setyhula zinezihlomelo ezingenako ukuthunyelwa nge-imeyili, iikopi zazo ezingamaphepha zenziwa ukuba zifumaneke.
3. Izikolo, amaziko namagosa makatshekishe qho i-iimeyili zawo, njengoko ezi setyhula zibalulekile ekusebenzeni ngokukuko kweWCED.
4. Izikolo namagosa mabenze iifolda zekhompyutha kwiikhompyutha zabo zokugcina ezi setyhula njengoko kufuneka zigcinwe kwirekhodi ngalo lonke eli xesha zisasebenza ngokusemthethweni.
5. Iisetyhula ezakhutshwa ukususela ekuqaleni kuka-2003 kwakhona ziyafumaneka kwikhasi lewebhu leWCED http://wced.school.za/circulars/index-circmins.html
6. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:03:30

ISEBE LEMFUNDO LENTSHONA KOLONI IISETYHULA ZE-WCED EZIKHUTSHWE NGONYAKA KA-2015  (ubukhulu: 101 KB)