1. Injongo yale setyhula kukungqina imihla yokubhalwa kweeMvavanyo zikaZwelonke zoNyaka (Annual National Assessments) (ANA) ukususela nge-15 ukuya kwi 18 Septemba 2015, njengoko kubonisiwe kule thayimthebhile iqhotyoshelwe apha. Ukungaphumeleli ukulandela ngqo le mihla namaxesha amiselweyo, kuya kuba kukutenxa kwinkqubo yokubhalwa kweemvavanyo (assessment irregularity).
2. Ukongeza kumaBakala 1 – 6 no-9, bonke abafundi bamaBakala 7 no-8 baya kubhala i-ANA ngo-2015.
3. Izikolo mazikhumbule ukuba ezi ntsuku kubhalwa ngazo ii-ANA ziintsuku zesikolo eziqhelekileyo nokuba ukufunda nokufundisa kufuneka kuqalise ngoko nangoko emva kokuba lugqityiwe uvavanyo ngalunye.
4. Njengoko olu iluvavanyo lukazwelonke, ukubekwa esweni (monitoring) kuya kwenziwa ngamagosa ee-ofisi zezithili zemfundo, ngamagosa ephondo kwakunye nangabameli beSebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke (iSebe i-DBE). Qaphela ukuba amagosa abeka esweni inkqubo, aya kuvunyelwa kuphela ukuba abeke esweni uvavanyo ukuba aveza ubungqina besazisi neleta ewagunyazisa ukuba abeke esweni inkqubo egameni le-ofisi echaphazelekayo.
5. Ukumakishwa nokumodareyithwa kwangaphakathi kwee-ANA kuya kukwenzelwa esikolweni phantsi kweliso lekomiti yolawulo lwesikolo (school management team), kwaye kufuneka ukuba kugqitywe ungadlulanga owe-28 Septemba 2015. Ziyacelwa iinqununu zezikolo ukuba ziqinisekise ukuba ukumakishwa kweemvavanyo ze-ANA (ANA test material) akwenziwa ngexesha elicwangciselwe ukufundisa nokufunda (ixesha lokufunda eklasini).
6. Ukufakwa ekhompyutheni kwamanqaku amodareyithiweyo kwi-Centralised Education Information Management System) (CEMIS) makube sekugqityiwe ungadlulanga owe-16 Oktobha 2015. Kucelwa izikolo zikufake oku kwisicwangciso sazo.
7. Kucelwa amagosa ee-ofisi zezithili zemfundo neenqununu zazise okukule setyhula ootitshala, abafundi nabazali ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:03:04

ITHAYIMTHEBHILE YEMVAVANYO ZIKAZWELONKE ZONYAKA (ANNUAL NATIONAL ASSESSMENTS) KA-2015
(ubukhulu: 28 KB)