2. |
Iimviwo zicwangciselwe ukuqala nge-26 Oktobha 2015 ziphele nge-27 Novemba 2015. Iimviwo zepraktikhali ze-Computer Applications Technology Paper 1 ne-Information Technology Paper 1 ziya kubhalwa nge-19 ne 20 Oktobha 2015 ngokulandelelanayo. |
3. |
Zimbini iiseshoni ezicwangciselwe usuku ngalunye. Iiseshoni zakusasa ziya kuqala ngo-09:00 zize ezasemva kwemini ziqale ngo-14:00. |
4. |
Iiklasi eziqhelekileyo maziqhubeke de kube ngowe-16 Oktobha 2015, ukwenzela ukuba kuqhubeke ukufundiswa kangangoko kunokwenzeka. Iintloko zezikolo zingakhetha ukubavumela abafundi beBakala 12 baka-2015 ukuba bafundele ekhaya ukususela nge-19 Oktobha 2015 ukwenzela ukuba balungiselele iimviwo zeNSC. |
5. |
Kucelwa iinqununu nabaphathi bamaziko baxele onke amaxesha angqubanayo kwithayimthebhile (clashes) kwiSebe iWCED. Ezo ngxelo mazingeniswe ngeleta ebhaliweyo ungadlulanga uLwesihlanu, we-20 Matshi 2015 kule dilesi ilandelayo:
Head: Education Attention: Mr TJ Magwaca (Room 5-27) Western Cape Education Department Private Bag X9114 Cape Town 8000 Ifeksi: 021 467 9370 / 086 6165 701 Idilesi ye-imeyili: tebo.magwaca@westerncape.gov.za
|
6. |
Kufuneka iinqununu zazise bonke abaviwa ababhala iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ukuba mabanxibe iyunifom yesikolo sabo xa bebhala uviwo ngalunye, nokuba mabasoloko befumaneka kude kube lusuku lokugqibela lwekota yesikolo (09 Disemba 2015), ukwenzela ukuba xa kuthe kwakho imfuneko, ngenxa yaso nasiphi na isizathu, kulungiselelwe elinye ixesha lokubhalwa kwephepha loviwo elithile. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:03:02
|
|