1. UMphathiswa weMfundo esiSiseko kaZwelonke wakhupha imimiselo yokuhlawulwa kwembuyiselo ngenxa yokuxolelwa ekuhlawuleni iifizi zesikolo kwizikolo ezihlawulisa iifizi ezikwinqanaba leNtlupheko kuzwelonke u-4 no-5 kwiGazethi kaRhulumente 33971, yowe-28 Januwari 2011.

2. Imbuyiselo ngenxa yokuxolelwa ekuhlawuleni iifizi zesikolo iya kusoloko iyeyonyaka wesikolo ongaphambili, umz. imbuyiselo ehlawulwa ngo-2015 yeyoxolelo ekuhlawuleni iifizi olwavunywa kunyaka wesikolo ka-2014.

3. Ezi meko zoxolelo kwintlawulo yeefizi zesikolo zilandelayo ziya kufaneleka kwizicelo zamabango asemthethweni:
3.1 Umfundi osele exolelwe kuba eyinkedama okanye elahlwe tyaa (abandoned) ngabazali bakhe.
3.2 Umfundi ohlawulelwa isibonelelo segranti karhulumente yezentlalo enxulumene nokuthwaxwa yintlupheko (poverty-linked state social grant).
3.3 Umfundi obazali bakhe babenze isicelo sokuxolelwa ukuhlawula iifizi zesikolo, nesavunywa libhunga lolawulo lesikolo (SGB) (qaphela ukuba isicelo nemizuzu yentlanganiso yeSGB echaphazelekayo mazibe nokufumaneka esikolweni ngeenjongo zophicotho-ncwadi zesikolo).

4. Amaxesha asikiweyo

Izikolo mazenze izicelo zembuyiselo ngenxa yokuxolelwa qho ngonyaka ungadlulanga owe-29 Meyi. Isicelo esingeniswe emva kwexesha elisikiweyo asisayi kwamkeleka. Isicelo ngasinye siya kuya kungqinisiswa yi-ofisi yesithili semfundo size singeniswe kwandlunkulu ukuze kwenziwe intlawulo. Iintlawulo ke ngoko ziya kwenziwa kwizikolo ezifanelekileyo ungadlulanga owe-15 Novemba qho ngonyaka.

Imihla yonyaka wesikolo ka-2014 – izicelo zamabango okuxolelwa ukuhlawula iifizi zesikolo

Umhla Omakwenziwe
1 Apreli 2015 I-CEMIS yenziwa ifumaneke ukwenzela ukufaka idatha
29 Meyi 2015 Umhla wokugqibela wokusayinwa kwezikolo kwiCEMIS; Zizikolo
26 Juni 2015 Izikolo zingenisa ingcaciso ephicothiweyo kwiNtloko yezeIMG kwi-ofisi yesithili semfundo
30 Agasti 2015 Ii-ofisi zezithili zemfundo zigqibezela inkqubo yokungqinisisa zize zisayine izicelo kwiEdu-Info Search
30 Septemba 2015 ISebe leMfundo lazisa izikolo ngezixa eziza kuhlawulwa
15 Novemba 2015 ISebe leMfundo lihlawula iimali kwizikolo ezifanelekileyo

5. Inkqubo

Izicelo mazingeniswe kusetyenziswa iCEMIS.

Eyona ngcaciso engumlinganiselo osezantsi eya kunikwa sisikolo ngethuba lokwenza isicelo iya kuba ligama lesikolo, inombolo ye-EMIS, idilesi yestrato yesikolo, igama neenkcukacha zoqhagamshelwano zomntu obezalisa ifom, inani lilonke labafundi ababhalise esikolweni, ilisti yabafundi abaxolelweyo ekuhlawuleni iifizi zesikolo kunyaka ongaphambili nenombolo efana yodwa i-unique CEMIS tracking number yomfundi ngamnye kwaba.

Inkqubo imi ngolu hlobo lulandelayo:

  • Loga kwiCEMIS.
  • Inkcazo yale nkqubo iya kuboniswa kwiCEMIS.
  • Zalisa uze emva koko uprinte isicelo sebango. Ngokumalunga nabo bonke abafundi ekwenziwa isicelo samabango abo, kuphela khetha uze uzalise i-% yoxolelo yomfundi ngamnye enikiweyo. Ithuba eliya kuqhubeka ngalo ubhaliso liya kube selwenziwe ekhompyutheni (automatically populated). Ngenisa isicelo sebango kubantu abachaphazelekayo ukuba isayinwe, o.k.t. usihlalo wekomiti yezemali, inqununu nosihlalo weSGB. Masingeniswe kumphicothi-zincwadi kwakunye namaxwebhu axhasayo ukwenzela uphicotho-zincwadi.
  • Emva kophicotho-zincwadi, ngenisa isicelo sebango (faka kuphela isatifikethi sophicotho-zincwadi nesicelo sebango labafundi abaxolelweyo) kwi-ofisi yesithili semfundo ukuze singqinisiswe. Iikopi ezisayiniweyo mazigcinwe ukwenzela iinjongo zophicotho-zincwadi sisikolo nayi-ofisi yesithili semfundo. Onke amaxwebhu axhasayo makagcinwe esikolweni. Uncede ungathumeli nawaphi na amaxwebhu kwandlunkulu.
6. Uphicotho-zincwadi

IsiHlomelo B seGazethi kaRhulumente sibandakanya isikhokelo somphicothi-zincwadi. La maxwebhu alandelayo makangeniswe kumphicothi-zincwadi:

  • Isabelo-mali sesebe sokugqibela sonyaka ochaphazelekayo.
  • Iingxelo-mali eziphicothiweyo zonyaka ochaphazelekayo.
  • Iirejista zokuhamba isikolo kwabafundi zonyaka ochaphazelekayo.
  • Uphando oluquphayo (snap survey) lonyaka ochaphazelekayo.
  • Iifom zokuxolelwa kwintlawulo yeefizi namaxwebhu okuxhasa isicelo somfundi ngamnye oxolelweyo (kubandakanywa ubungqina bedatha yabo bathathele abafundi kubo njengabazali (forster care) nesibonelelo segranti sezentlalo apho kuchaphazelekayo).
  • Amaxwebhu avuma ukuxolelwa komfundi ngamnye oxolelweyo.

Umphicothi-zincwadi makasebenzise la maxwebhu ukungqinisisa ukuchaneka kwengcaciso enikiweyo.

Apho amaxwebhu axhasayo ekho kuphela kwifomathi yekhompyutha (electronic format), umphicothi-zincwadi makenze isicelo sokuba afikelele kuloo ngcaciso.

Umphicothi-zincwadi makazalise asayine icandelo elifanelekileyo kwifom yokwenza isicelo.

Yonke ingcaciso engangqinelaniyo nemigaqo kwanengachanekanga ngethuba lenkqubo yophicotho-zincwadi mayibhalwe phantsi. Lonke ufakelo lwezilungiso oluyimfuneko malwenziwe nguMphathi wezeIMG ngethuba lenkqubo yokungqinisisa.

ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) aliyi kusamkela isicelo esingasayinwanga ngumphicothi-zincwadi okanye umphicothi-zincwadi athe wanombuzo ngokungqinisiseka kwaso (validity).

Izicelo zezikolo maziphicothwe njengenxalenye yophicotho-zincwadi olwenziwa qho ngonyaka lwesikolo ngasinye.


7. Ifom yesicelo ephicothiweyo mayingeniswe kwiNtloko yezeIMG kwi-ofisi yesithili semfundo.

8. Yonke ingcaciso efunyenweyo iya kulandela inkqubo yokungqinisiswa yiWCED. Ukuba kukho nayiphi na ingcaciso efunyaniswe inenkohliso (fraudulent), isikolo esifaka isicelo siya kohlwaywa, nto leyo enokubandakanya inyathelo loluleko ngakuloo nqununu ibingqinisisa ingcaciso kunye/okanye ukubuyiswa kwayo nayiphi na intlawulo eyenziweyo. Ukungeniswa kwesicelo emva kwexesha elisikiweyo (o.k.t. emva kwe-29 Meyi 2015 kulo nyaka), ingcaciso engaphelelenga, ingcaciso etshintshiweyo (altered information), ingcaciso engachanekanga nengcaciso engeniswe ngefomathi engachanekanga iya kusenza eso sicelo sibe sesingekho mthethweni (invalid). Makungeniswe ifom yentsusa (original) ezaliswe ngokupheleyo, ingabi yikopi yayo. Kucelwa uqaphele ukuba iWCED iya kwamkela kuphela iifom zezicelo ekubonelelwe ngazo yiCEMIS.

9. Ukubala

Isakuba igqityiwe inkqubo yokungqinisisa, iWCED iya kuqinisekisa malunga nexabiso elipheleleyo lezicelo zamabango ezipheleleyo, emva koko izikolo zaziswe ukuba ngaba zizifanele na ezo zixa-mali zentlawulo ziya kuzifumana.

Isixa-mali isikolo esiya kusifumana ngomfundi ngamnye, siya kubalwa ngolu hlobo lulandelayo:

  • Ithuba (inani leentsuku ababhaliswe ngazo enyakeni);
  • Ipesenti yokuxolelwa;
  • Isabelo-mali se-N&S ngomfundi ngamnye; kunye
  • Nomyinge obekiweyo kwizikolo ezingahlawulisi fizi (No-fee threshold) (R1059 ngo-2014)

Imizekelo yokubalwa kwezixa-mali:

Inombolo ye-ID yomfundi Iintsuku zobhaliso zabafundi Ipesenti yoxolelo Isabelo-mali se-N&S Ukubalwa kwezixa-mali ngo-2014
1 200 100% 450 200/200 x 100% x (1059 – 450) = 609
2 100 50% 450 100/200 x 50% x (1059 – 450) = 305
3 150 50% 450 150/200 x 50% x (1059 – 450) = 228

I-WCED iya kuba nako ukubala ukuba ngaba i-100% yebango yesikolo inokuhlawulwa kuphela kwakuba kufunyenwe zonke izicelo zamabango kwaza kwabalwa nesixa-mali xa sisonke. Esi sixa-mali sisonke siya kuthelekiswa nebhajethi yonyaka iyonke kolu ngenelelo ngoncedo. Iimali ziya kuhlawulwa kwizikolo ezifanelekileyo ungadlulanga owe-15 Novemba ngonyaka lowo kwenziwe ngawo isicelo.


10. Kucelwa uqaphele ukuba le setyhula ithatha indawo yeSetyhula 0017/2011.

11. Nayiphi na imibuzo emalunga nokuzaliswa kwefom yesicelo inokuthunyelwa ngqo kumphathi wezeIMG kwi-ofisi yesithili semfundo sakho.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:03:03

"Government Gazette 33971"  (ubukhulu: 220 KB)