1. |
Le setyhula ihlaziyiwe ngako oko iyitshitshisa ngokupheleleyo iSetyhula 0051/2008. |
2. |
Konke ukuthengwa kwefanitshala nezinye izixhobo makwenziwe ngokuqala kugqithwe kwiCandelo loLawulo loQhagamshelwano naBathengi naBathengisi kwaNdlunkulu, (Supply Chain) zingathathelwanga ngqalelo iindleko ezichaphazelekayo. Oku kuya kuvumela eli Candelo loQhagamshelwano naBathengi naBathengisi liqinisekise ukuba: |
2.1 |
Kusetyenziswa iNombolo i-Item Control Number (ICN) echanekileyo kwi-LOGIS ; |
2.2 |
Ibhakhowudi ifakiwe kwi-ayithem (kwii-ayithem) yakuba isiwe kulo ndawo yalowo uya kuyisebenzisa (user location); |
2.3 |
INkcazo nexabiso le-Ayithem (Item Description and value) zichazwe ngokuchanekileyo kwiRejista yee-Asethi (Asset Register); |
2.4 |
Indawo (location) ibhalwe ngokuchanekileyo; yaye |
2.5 |
IRejista yee-Asethi (Asset Register) yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) iyahlaziywa. |
3. |
Makulandelwe la manyathelo alandaleyo uku-odola ifanitshala nezinye izixhobo: |
3.1 |
Zalisa i-LOG 1 requisition form
- Xa ngaba kusarhoxisiwe ukuthengwa kwefanitshala ye-ofisi (moratorium on the acquisition of office furniture) yakwaNdlunkulu, makufunyanwe imvume kuqala kwiNtloko yezeMfundo yokuthenga ifanitshala ye-ofisi elolu hlobo. Ngokumalunga nezixhobo zazo zonke iikhomponethi ezikwiProgram 1, makufunyanwe imvume yenkxaso-mali elolu hlobo kuSekela Mlawuli-Jikelele woLawulo lwezeMali yaye makuqhotyoshelwe imvume leyo kule rikhwizishini.
- Kwikholam yenkcazo (description column), mayichazwe ngokupheleleyo i-ayithem ethengwayo yaye makufundwe ezo nkcukacha ziyichazayo kanye ngqo (specification) (ukuba ziqhotyoshelwe).
- Makufakwe ubungakanani bezo zifunyenweyo (quantity received) nobungakanani bezo zivunyiweyo (quantity approved).
- Kwikholam Inventory/Personnel no. column, makuboniswe apho ifanitshala/isixhobo siya kufunyanwa khona. Umzekelo ngu-500E (ochaza uMphathi oJongene neStokhwe [Responsibility Manager (i-Cost Centre)] olandelwa ngu-06-30 (omele inombolo yegumbi (room number) 30 kumgangatho we-6). Inombolo i-door barcode number efakwe nguNdlunkulu kwii-Cost Centres mayirekhodwe ukuba iyindawo ekhoyo (existing location).
- Apho ku-odolwe ngaphezu kwe-ayithem enye, uMphathi oJongene neStokhwe (Responsibility Manager) makaxele indawo apho i-ayithem nganye iya kufumaneka khona. Umzekelo kuxa ku-odolwe izitulo ezibini yaye esinye kuzo siza kusetyenziswa kwiGumbi 1 ukuze esinye sibe kwiGumbi 2. La ngamagumbi amabini awohlukeneyo ke ngoko. Apho kukho isithuba esinganelanga kwi-LOG 1 form, makwenziwe ilisti eyahlukeneyo ize iqhotyoshelwe.
- Qinisekisa ukuba ilisti eqhotyoshelwe kwifom yerikhwizishini, ayigqithi kwii-ayithem ezilishumi kumgca ngamnye (10). Ukuba zii-ayithem ezingaphezu kwezilishumi (10) kumgca ngamnye we-ayithem ezifunwayo, makungeniswe ifom yerikhwizishini eyahlukeneyo.
- Zalisa iikholam "Replacement Quantity" or "Additional Quantity". Igama Replacement libhekisa kwii-ayithem ezilahlekileyo/ezibiweyo/eziza kukhutshwa ezingasasetyenziswayo (lost/stolen/to be written off) yaye ukuthi Additional kuthetha ii-ayithem ezingezelelweyo zenkcazo efanayo esele zikuloo ndawo.
- Ukuthengwa kwefanitshala nezinye izixhobo kumaCandelo aqhagamshelene nebhajethi yeProgram 1 kuxhomekeke ekufunyanweni kwebhajethi nguMphathi weProgram yaye ngoko ke irikhwizishini mayisayinwe nanguMphathi weProgram.
|
3.2 |
Makuzaliswe i-LOG 1 (Requisition) form ngokumalunga nefanitshala nezixhobo yaye isayinelwe nguMphathi oJongene neStokhwe (Responsibility Manager) namaGosa e-SCM yaye mayithunyelwe kuMlawuli oNcedisayo (Assistant Director) weCandelo loLawulo lweNtsebenzo (Performance Management), kumgangatho we-6 kwiGumbi 612 eGrand Central Towers ukwenzela iinjongo zokurekhodwa kwayo. |
3.3 |
Qhoboshela i-PGWC 002 BAS Allocation Attachment form kwifom yerikhwizishini yaye ubonise ibhajethi ekhoyo yezo zinto zithengwayo. Le fom mayitshekishwe yaye isayinwe liGosa le-SCM. Makuqhagamshelwane neCandelo loLwabiwo noSetyenziso lweMali ngokumalunga nesitraktsha senkcitho esichanekileyo emasisetyenziswe. |
4. |
Iinkcukacha (Specifications) neerikhwizishini ezingaphelelanga zizizathu ezixhaphakileyo ezibangela ukulibaziseka ekusingathweni kwenkqubo yokuthengwa kwee-ayithem (processing of requisitioned items). Ezinye ii-ayithem kufuneka zenziwe ngabathengisi ngokwexesha elimisiweyo eliphakathi kokuqaliswa ukwenziwa nokugqitywa kwazo (set lead time) yaye ke ngoko ezi ayithem azinako ukufumaneka xa ziceliwe. Ngaphezu koko, izixhobo ze-ICT zixhomekeke ekungenisweni kwazo kweli lizwe (importation) yaye umntu kufuneka athathele ingqalelo ixesha elithathwa yi-Original Equipment Manufacturer (OEM) kwiRiphabliki yoMzantsi Afrika (RSA) ukufaka i-odolo phesheya kolwandle, elokuba yenziwe (assembled), isiwe kwinkqubo yezerhafu (customs process) ejongene neemveliso ezingeniswa kweli lizwe ukuze emva koko ifike apha eMzantsi Afrika (RSA) emva kokuba kufezekiswe iimfuno ezimiselweyo zokungeniswa kweemveliso kweli lizwe (importation requirements). Kuya kuba kusemva koku ukuba ongumthengisi kwakhona (reseller) abenako ukuyisa kulo ndawo isetyenziswa kuyo. Kukwabalulekile nokukhumbula ukuba ukuthengwa kanye kanye kwezixhobo ze-ICT kugunyaziswa ngokoMthetho we-State Information Technology Agency (SITA) (SITA Act), 1998 (uMthetho 88 ka-1998), ngoko ke, ukuba i-SITA ayikenzi malungiselelo emvumelwano yosetyenziso ngawo onke amasebe kaRhulumente ngokumalunga nokuthengwa kwee-ayithem eziqhelekileyo (supply of standard items), ukuthengwa kwazo makwenziwe ngokuqala kugqithwe kwi-SITA yaye oku kunexesha lako elimisiweyo.
Ngenxa yeso sizathu makurekhodwe oku kulandelayo-
- Ii-ayithem zemvumelwano : Ezi zii-ayithem ezifumanekayo kwiimvumelwano ezibanzi ezibandakanya amanye amasebe (transversal contracts) zeSITA kaZwelonke okanye eyePhondo (National or Provincial or SITA transversal contracts), nezibandakanya -
- Ukuthengwa kweebrendi ezikhethekileyo (specific brands) neentlobo zeeshreda (shredders) neebrendi ezikhethekileyo ze-Data Video Projectors. Kucelwa uqhagamshelane noMlawuli oNcedisayo we-Quotations and Specifications ngokumalunga nezi brendi ukuqinisekisa ukufaneleka kwazo;
- Ukurentwa koomatshini bokufotokopa nokuvelisa amaxwebhu (reprographic machines), izixhobo ze-ICT eziqhelekileyo; (Ii-Desktop PCs, ii-Laptops, ii-PCs neePrinters etc.) kunye
- Ne-software ye-IT eqhelekileyo.
- ABaphathi abaJongene neStokhwe mabaqinisekise ukuba ngokumalunga nezixhobo ne-software ye-ICT, imvume ye-DITCOM ihamba kunye nerikhwizishini evunyiweyo. I-DITCOM yeSebe iWCED ikhuphe le listi iqhotyhoshelweyo ebonisa ukuba zeziphi na ii-ayithem ezifuna imvume ye-DITCOM.
Kucetyiswa ukuba kwii-ayithem ezifumaneka ngemvumelwano nakwezo zixhomekeke ekwenziweni kwazo ngabavelisi, ixesha eliphakathi kokuqalwa nokugqitywa ukwenziwa kwazo (lead time) leenyanga ezintathu (3) ubuncinane, licwangciselwa ukuziswa kwe-ayithem okulindelekileyo.
Ii-ayithem ezingezizo ezemvumelwano (Non-contract items): Ezi zii-ayithem ezingafumaneki nakweyiphi na imvumelwano kodwa kube sele kufunwe umthengisi wazo ngeenkqubo ezifanelekileyo [nokuba kungendlela yeziniki-maxabiso emiselweyo (a formal tender) enokuqhutywa ithuba leenyanga ezintathu (3) okanye ngendlela yokufumana iikowuteshini nge-Integrated Procurement Solution (IPS)]. Nangona le ndlela yamva (inesixa esiqingqiweyo esiyinkcitho efikelela ku-R500 000) inexesha elifutshane lokugqitywa kwayo yonke inkqubo yezentengo (turn-around time), intengiso isaxhomekeke ekwenziweni kwayo ngumvelisi okanye ekuthengweni kwayo kumazwe angaphandle (manufacturing or importation) yaye ke ngoko apha kusebenza iinyanga ezintathu ekucetyiswa ngazo apha.
|
5. |
ISebe iWCED linyanzelekile ukuba lihambe mbo ngokweMiyalelo ye-Ofisi kaNondyebo (Treasury Instructions) ngokumalunga nee-inventri yaye iRejista yee-Asethi iya kuhlaziywa ngokuqhubekekayo. Mayigxininiswe into yokuba yonke ifanitshala nezixhobo ezizisiweyo kulowo uza kuzisebenzisa (end user), ziselugcinweni nakulondolozo loMphathi oJongene neStokhwe kwaye oko kuya kuhlala kuluxanduva lwalo Mphathi uchaphazelekayo. Ifanitshala nezixhobo ezilolu hlobo, emva kokuziswa kwazo, mazigcinwe kwindawo enqatyisiweyo de kube lelo xesha lokukhutshwa kwazo zinikwe umsebenzisi ngamnye yaye apho kufanelekileyo mazifakwe yiCEI. Oku kubaluleke gqitha ngokumalunga ne-Annual ICT Refresh programme apho, emva kokuba zi-odolwe ii-ayithem, umthwalo usiwa ngqo kulo Mphathi uJongene neStokhwe sele esaziwa. Apho ii-ayithem ezininzi (multiple items) ze-ayithem enye zithengelwa ukusetyenziswa ngabantu ngabodwa nanini na xa ziyimfuneko, uMphathi oJongene neStokhwe makagcine irejista yerisithi yokukhutshwa/yokufunyanwa kwazo ukulungiselela iinjongo zokuphicothwa kweencwadi. Umzekelo wale meko kukusetyenziswa kwee-note book computers okanye iikhompyutha. |
7. |
Bayacelwa aBaphathi abaJongene neStokhwe ukuba bazise bonke abasebenzi ngokuqulethwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:12:02
|
|