1. Sinolwazi lokuba abasebenzisi beefoni kwizakhiwo zakwaNdlunkulu bafumana iingxaki zemihla ngemihla ngeelayini zefoni zabo. Kungokunje kuthengwa isistim entsha yeefoni (telephone solution) kusetyenziswa i-Western Cape Government's (WCG) Broadband Contract yaye iya kufakwa ngokukhawuleza sakuba sithengiwe isixhobo se-LAN yiSITA.
2. Bayacelwa abasebenzisi befoni baqaphele ukuba ukususela nge-24 Novemba 2015 ifasilithi ye-voicemail yokumamela imiyalezo kwisistim esebenzayo ngoku ayisayi kufumaneka. Bayacelwa ke ngoko abasebenzisi ukuba bazikhuphele iilayini zabo zefoni koogxa babo xa bona bephumile okanye bengekho kwiindawo abasebenzela kuzo.
3. Ukukhuphela iikholi zakho (divert your calls) kugxa wakho cofa *60 nenombolo yeeksthenshini (extension number) apho iikholi maziye khona. Ukuzibuyisela kuwe (ukwenza le fankshini ingasebenzi (de-activate)) xa ubuyela e-ofisini okanye kwindawo yakho yokusebenzela (workstation) cofa *64 ukuyekisa ukukhutshelwa kweekholi.
4. Imibuzo malunga noku kungentla inokubhekiswa komnye waba balandelayo:

Ms R Daniels
Ms S Esau
Ms S Nduna
inombolo yefoni: 021 467 2792
inombolo yefoni: 021 467 2794
inombolo yefoni: 021 467 2503
5. Imibuzo malunga nefoni neengxaki zokungasebenzi kwazo inokuthunyelwa nge-imeyili apha: education.pabx@westerncape.gov.za
6. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:11:23