1. Ukuhlaziywa kwamanani ezithuba ezabelwe izikolo zabasebenzi abanika inkxaso benkonzo karhulumente kwizikolo zikarhulumente zemfundo eneemfuno ezizodwa, ukulungiselela u-2016 kwakwenziwe ngokususelwa kumanani abafundi njengoko anjalo ngowe-31 Julayi 2015.
2. Oku hlaziywa kwabandakanya abasebenzi abanika inkxaso benkonzo karhulumente (abeenkonzo zezolawulo, ezolondolozo nezokucoca) abakwizikolo zikarhulumente zemfundo eneemfuno ezizodwa, ngokungqinelana nemimiselo nemigangatho evunyiweyo kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo, njengoko bekwazisiwe kwiSetyhula 0025 ka-2011, nalapho izikolo zikarhulumente zemfundo eneemfuno ezizodwa zineehostele ngokungqinelana nemimiselo nemigangatho evunyiweyo yeehostele.
3. Izikolo zikarhulumente zemfundo eneemfuno ezizodwa ezijongene nokuphulukana nezithuba zabasebenzi benkonzo karhulumente abanika inkxaso ngo-2016 nezinabaqeshwa bemvumelwano (contract employees) kwizithuba ezichaphazelekayo, azinako ukuzandisela elinye ixesha iimvumelwano zabaqeshwa abachaphazelekayo kude kube ngaphaya kwe-31 Matshi 2016. Iinqununu mazibazise abaqeshwa bemvumelwano (contract employees) abachaphazelekayo ungadlulanga owe-31 Disemba 2015, ukuba ngenxa yokupheliswa kwezithuba zabo, iimvumelwano zabo azisayi kwandiselwa ixesha elisemva kwe-31 Matshi 2016.
4. Abasebenzi abanika inkxaso benkonzo karhulumente abasisigxina abasezikolweni eziphulukene nezithuba zabasebenzi abanika inkxaso baya kumataniswa yaye bafakwe kwizithuba ezingenabantu kwezinye izikolo. Inkqubo yokumataniswa nokufakwa kwizithuba iya kulawulwa zii-ofisi zezithili. Bonke abaqeshwa abasisigxina abangenako ukumataniswa nokufakwa kwizithuba, baya kuvakaliswa njengabangaphezu kwemfuneko yaye baya kuhlala ezikolweni zabo yaye aziyi kutshintshwa iimeko zabo zengqesho. Xa kunokwenzeka ukuba kubekho izithuba ezisisigxina ezingenamntu, abaqeshwa abangaphezu kwemfuneko baya kuqwalaselelwa ukuqeshwa kuqala ekumatanisweni nasekufakweni kwabo kwizithuba ezilolu hlobo, phambi kokuba kunikwe imvume yokuzaliswa kwezithuba zemvumelwano.
5. Zonke izithuba ezitsha zabasebenzi abanika inkxaso benkonzo karhulumente ezingakhange zizaliswe ngale nkqubo yokumataniswa nokufakwa kwizithuba ezingenamntu, ziya kupapashwa kuluhlu lwezithuba zabasebenzi benkonzo karhulumente abakumaziko ukulungiselela u-2016. Akukho basebenzi baqeshwe ngokwemvumelwano (contract appointments) kwizithuba ezitsha zabasebenzi benkonzo karhulumente eziye zadalwa, abanokuqeshwa ngethuba elisusela kwi-01 Januwari 2016 ukuya kwi-31 Matshi 2016, njengoko oku kuya kuqala ukusebenza ukususela nge-01 Apreli 2016.
6. Amanani ezithuba ezabelwe izikolo zabasebenzi abanika inkxaso benkonzo karhulumente ukulungiselela u-2016, aya kupapashwa kwiCEMIS phantsi ko"Administration" nge-1 Disemba 2015.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:12:01