1. Kucelwa niqaphele ukuba inkqubo yoku-odola kule setyhula isebenza kuphela kwizikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21.

2. Ukuphucula nokukhawulezisa iinkqubo zoku-odola, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lingene kwiimvumelwano ezimbini ezahlukeneyo zokuthengwa nokusiwa kwezinto zokubhala nezinto zokucoca zethuba elisusela kwi-1 Matshi 2015 ukuya kwi-31 Matshi 2017.

3. Iya kwenziwa ifumaneke ifasilithi yoku-odola ngekhompyutha (online facility) kuzo zonke izikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21 ngoMeyi nango-Agasti 2015 ukulungiselela ukufakwa kwee-odolo zezinto zokubhala nezinto zokucoca eziya kusetyenziswa ukususela ngoJanuwari 2016. Iinkcukacha ezingaphezulu ziya kufumaneka ngo-Apreli 2015.

4. Kuyimfuneko ukuba kufakwe i-odolo epheleleyo ukulungiselela unyaka wesikolo ka-2016 ngethuba lefasilithi yekhompyutha ngoMeyi 2015 ukuqinisekisa ukuba izinto zokubhala nezinto zokucoca zisiwa kwangaphambi kokuqala konyaka wesikolo omtsha.

5. Ziya kuphinda zilinikwe kwakhona ithuba lokufaka ngekhompyutha ii-odolo zezinto zokongezelela izikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21 ngo-Agasti 2015, ukuba unganolwazi lokuba kukho imfuno yokuthenga izinto zokubhala nezinto zokucoca ezongezelelweyo eziya kusetyenziswa ngo-2016.

6. Ii-odolo zezinto zokubhala zezikolo kuzo zonke izithili zemfundo ziya kufakwa kulo mboneleli-nkonzo ulandelayo unemvumelwano neSebe iWCED:

  Masiqhame Trading 1057 CC
30 Blinkwater Crescent
Edgemead
7441

Inombolo yefoni : 021 558 9947
Umntu emakuqhagamshelwane naye: Mnu G Daniels

7. Ii-odolo zezinto zokucoca ziya kufakwa kubaboneleli-nkonzo ababini abahlukeneyo abanemvumelwano neSebe iWCED.
7.1 Kwizikolo ezikwizithili zemfundo zeedolophu (metropole education districts) ii-odolo zezinto zokucoca ziya kufakwa kulo mboneleli-nkonzo ulandelayo:

  RC Suppliers
14 Klaver Street
Sybrand Park
Rondebosch
7700

Inombolo yefoni : 021 696 9361
Umntu emakuqhagamshelwane naye: Nks R Blankenaar
7.2 Kwizikolo ezikwizithili zamaphandle (rural education districts) ii-odolo zezinto zokucoca ziya kufakwa kulo mboneleli-nkonzo ulandelayo:

  Amanthi Traders CC
2 Nice Street
Uitzicht
7550

Inombolo yefoni : 021 976 7938
Umntu emakuqhagamshelwane naye: Nks Gouveia Ferreira

8. Kuqhotyoshelwe apha iikhatalogu ezinee-ayithem zezinto zokubhala nezinto zokucoca nexabiso le-ayithem nganye. Kucelwa uqinisekise ukuba usebenzisa iikhatalogu ezifaneleke kwisithili sakho semfundo kuphela. Amaxabiso anikiweyo abandakanya ukusiwa kwezi zinto esikolweni sakho.

9. Kucelwa uqaphele ukuba imvumelwano yezinto zokubhala ayikuboneleli ukuthengwa nokusiwa kwephepha lokufotokopa neekhatriji zeprinta. Ezi ayithem, kwakunye nezinye ii-ayithem ezingachazwanga kwiikhathalogu zezinto zokubhala nezinto zokucoca, kuya kufuneka zi-odolwe kwifom WCED 026 form yaye zingeniswe kwi-ofisi yeZibonelelo eziXhasa uKufunda noKufundisa (Learning and Teaching Support Material (LTSM)). Ezi ayithem zikhankanywe apha ngentla ziya kupapashwa ke ngoko kwimalike evuleleke kumntu wonke (open market) yaye ukuthengwa kwazo kuya kuya kwenziwa kusetyenziswa iinkqubo zolawulo lokuthengwa kweempahla neenkonzo zikarhulumente. Idilesi ye-ofisi yeLTSM yile ilandelayo:

  Western Cape Education Department
LTSM Office
Golden Acre Building
15th floor
Cape Town
8001

10. Kubaluleke gqitha kwizikolo ukuba zenze izicwangciso ngobulumko ekumiseleni ukuba iimali zezabelo zeMimiselo neMigangatho zazo nezinye iimali zilawulwa ngendlela yokuba zihlangabezane nazo zonke iimfuno ezimiselweyo zabafundi nezesikolo.

11. Kucelwa wazise ngokuqulethwe yile setyhula kuwo onke amagosa achaphazelekayo ukuze akuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:02:25

"WCED Stationery Catalogue - Masiqhame Trading"  (ubukhulu: 135 KB)
"WCED Cleaning Catalogue - RC suppliers"  (ubukhulu: 73 KB)
"Eden Karoo - WCED Cleaning Materials Catalogues - Amanthi Traders"  (ubukhulu: 58 KB)
"Overberg - WCED Cleaning Materials Catalogues - Amanthi Traders"  (ubukhulu: 56 KB)
"West Coast - WCED Cleaning Materials Catalogues - Amanthi Traders"  (ubukhulu: 62 KB)
"Winelands - WCED Cleaning Materials Catalogues - Amanthi Traders"  (ubukhulu: 58 KB)