1. Isixa esikhulu semimiselo nemigangatho yolwabiwo-mali sisetyenziswa qho ngonyaka ukunika abafundi iincwadi zezifundo kuwo onke amabakala.

2. Kunyanzelekile ukuba iinqununu, ootitshala, abafundi nabazali bazinonophele ezi ncwadi zezifundo yaye bazibuyise ezi ncwadi ukwenzela ukuba ziphindwe zisetyenziswe kwithuba leminyaka emi-3 ukuya kwemi-4 yethuba lokusetyenziswa kwazo.

3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni kufuneka lingenise ingxelo yaqho ngonyaka ngokugcinwa kweencwadi zezifundo nokubuyiselwa kwazo kwiSebe leMfundo esiSiseko nokuba lizigcine iirekhodi ukwenzela iinjongo zokuphicothwa kweencwadi.

4. Kwenziwe ingxelo esisiseko engeencwadi zezifundo kwiCEMIS ukwenzela ukuba izikolo zixele ukuba zingaphi na iincwadi ezakhutshelwa abafundi yaye zingaphi na ezabuyiswayo ngebakala ngalinye.

5. Ziyacelwa izikolo ziyizalise yaye ziyisayinele le ngxelo kwiCEMIS phakathi kwe-01 ukuya kwi-15 Disemba 2015.

6. Ukufikelela kwiskrini i-capture screen kwiCEMIS yiya ku:

  • "Administration" tab; uze
  • Ukhethe u-"Textbook Retrievals" kwi-drop down menu uze uyizalise ingxelo.
7. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:11:06