1. Ngenxa yesi sigqibo sokugqibela siyi-PSCBC Resolution 2 sika-2015, bonke abaqeshwa abaqeshwe isigxina okanye abo baqeshwe njengabalingwa (on probation), banako ukufaka isicelo sokuwutshintsha umhla wokuhlawulwa kwetshekhi ye-13 eyibhonasi yenkonzo. Apha kuqhotyoshelwe isetyhula yeSebe i-DPSA emalunga nalo mba. Lo mqathango usebenza nakootitshala.

2. Kuya kusetyenziswa le miqathango ilandelayo malunga nolu tshintsho:

  1. Abaqeshwa bavumelekile ukukhetha kube kanye umhla wokuhlawulwa kwetshekhi ye-13 eyibhonasi yenkonzo yabo.
  2. Abaqeshwa benkonzo karhulumente mabangenise izicelo zabo ungadlulanga owe-16 Novemba 2015.
  3. Abasebenzi abatsha abaqeshwe ukususela kwi-01 Novemba 2015 baya kuvunyelwa ngomhla wokuqeshwa kwabo ukuba bakhethe kube kanye umhla wokuhlawulwa kwabo itshekhi ye-13 eyibhonasi yenkonzo.
3. Imihla yokuhlawulwa emitsha iya kusebenza ukususela kwi-01 Matshi 2016. Ukuba akukho sicelo sokutshintshwa komhla wokuhlawulwa singenisiweyo, abaqeshwa baya kuqhubeka ukufumana itshekhi ye-13 eyibhonasi yenkonzo kwinyanga yabo yokuzalwa.

4. Iifom zezicelo ezizaliswe ngokupheleleyo (kwifom eqhotyoshelwe apha) kufanele zithunyelwe kwiCandelo lamaLungelo aVela kwiNkonzo kwaNdlunkulu ungadlulanga owe-16 Novemba 2015

5. Kucelwa wazise ngokuqulethwe kule setyhula bonke abasebenzi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:11:04

"DPSA Circular"  (ubukhulu: 58 KB)
"Request Form"  (ubukhulu: 33 KB)