1. ISiqendu 6A soMthetho weNgqesho yooTitshala 1998 (uMthetho 76 ka-1988) (Employment of Educators Act (EEA), 1998 (Act 76 of 1998)), sicacisa ngokuqeshwa isigxina kootitshala abasandula ukufumana iziqinisekiso zabo zobutitshala kungakhange kuqalwe ngokupapashwa kwesithuba eso sixhaswa ngemali ngurhulumente kuluhlu lwezithuba.

Utitshala osandula ukufumana isiqinisekiso sakhe sobutitshala ngumfundi okunyaka wokugqibela kunye/okanye ngutitshala oneziqinisekiso zamabanga emfundo ofumene iziqinisekiso zamabanga akhe emfundo kwiminyaka emibini edlulileyo nongazange afumane thuba lokuqeshwa isigxina kwisithuba sikatitshala kwingqesho karhulumente.


2. Ukuqeshwa isigxina kwisithuba njengoko kucingelwayo apha ngasentla, kwenziwa ngokwesigqibo enelungelo lokusenza iNtloko yeSebe leMfundo.

3. Izicelo zokuqeshwa kukatitshala osanda kufumana isiqinisekiso samabanga emfundo ngokusisigxina ziya kuthathelwa ingqalelo kuphela ukuba zihamba kunye nengqinisekiso yebhunga lolawulo neyenqununu yokuba akafumanekanga utitshala ongaphezu kwemfuneko okanye akukho titshala unokugayelwa esi thuba.

4. Ootitshala abasandula ukufumana isiqinisekiso samabanga emfundo banako ukuqeshwa isigxina (ngokukhawuleza) singakhange sibe sipapashiwe isithuba, phantsi kwale miqathango ilandelayo:
4.1 Ukuqeshwa isigxina makwenziwe kwisithuba seNqanaba 1 esingenamntu esixhaswa ngemali kwaye isithuba eso masiboniswe kwinani lezithuba ezitsha zootitshala ezabelwe iziko ngo-2015.
4.2 Utitshala osandula ukuphumelela izifundo zamabanga obutitshala makabe:

  • ngofumene uqeqesho lomsebenzi wobutitshala wokufundisa;
  • uyaziphumeza iimfuno ezingummiselo zentsusa zesithuba ekuya kuqeshwa kuso; yaye
  • ubhalisile kwi-South African Council of Education (SACE).
5. Apho ibhunga lolawulo lingakuxhasiyo ukuqeshwa isigxina kukatitshala osanda kufumana isiqinisekiso samabanga emfundo, ibhunga lolawulo malingenise incwadi ebhaliweyo enezizathu ezamkelekileyo ezicacisa ukuba kungani na kungaxhaswayo ukuqeshwa isigxina kukatitshala.

6. Amagama abatyunjelwe ukuqeshwa (nominations) isigxina makathunyelwe kule dilesi ilandelayo:

Directorate: Recruitment and Selection Centre
Western Cape Education Department
Private Bag X9183
Cape Town
8000


7. Amabhunga olawulo neenqununu banokucela uluhlu lwezo titshala zafumana ibhasari iFunza Lushaka Bursary kwicandelo lokuGaya noKukhetha aBasebenzi (Recruitment and Selection) ukugaya nokukhetha abagqatswa abafanelekileyo nabanako ukuqeshwa.

8. Kucelwa iinqununu ziqinisekise ukuba le setyhula yaziswa amabhunga olawulo nootitshala ukuze bayithathele ingqalelo.

9. Le setyhula isebenza kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nakwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa zikarhulumente.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:10:07

"Employment of Educators Act (EEA), 1998 (Act 76 of 1998)"  (ubukhulu: 160 KB)
"Verification Certificate"  (ubukhulu: 61 KB)