1. Lenyuke kakhulu inani lezicelo zokuqeshwa kootitshala ababambeleyo kwezi veki zimbalwa zidlulileyo. ISebe iWCED ke ngoko lithathe isigqibo sokuba makuqwalaselwe zizithili zibambisene nezo zikolo zichaphazelekayo ezinye iindlela zokulungiselela ukulawula ukungabikho kootitshala ezikolweni nokuba kungenxa yasiphi na isizathu (yaziphi na izizathu).
2. Kuya kufuneka amagosa ezithili akuqwalasele ngobulumko ukuba semthethweni kwesicelo phambi kokuba anike iingcebiso malunga nokuqeshwa kootitshala ababambeleyo emva kowe-02 Oktobha 2015. Aziyi kuvunywa izicelo ezitsha zootitshala ababambeleyo apho ukuqeshwa kwabo kuqala ngowe okanye emva kowe-03 Oktobha 2015 yaye makusetyenziswe ezinye iindlela zokusuphavayiza abafundi.
3. Makuxoxwe ngeemeko ezizodwa noMlawuli weCandelo lokuGaya noKukhetha aBasebenzi, kule nombolo yefoni 021 467 2661, phambi kokuba kuqeshwe nabani na.
4. Apho kufakwe izicelo ezilolu hlobo kube kungakhange kunikwe mvume kwangaphambili, kuya kufuneka iziko elichaphazelekayo limhlawule utitshala/libahlawule ootitshala ngokwalo.
5. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:09:28